UYesu Krestu

Imithandazo yoMthendeleko

  • Iziqulatho

  • Ukusikelelwa kweSonka

  • Ukusikelelwa kwaManzi

Imithandazo yoMthendeleko


Imithandazo yoMthendeleko

  • Ukusikelelwa kweSonka

    Owu Thixo, Bawo onguNaphakade, siyakucela egameni loNyana wakho, uYesu Krestu, ukuba usikelele kwaye ungcwalise esi sonka kuyo imiphefumlo yabo bonke abathi bathabathe kuso, ukuze babe nokutya benenkumbulo yomzimba woNyana wakho, baze bangqine kuwe, Owu Thixo, Bawo onguNaphakade, okokuba bazimisele ukuthabathela kubo igama loNyana wakho, baze besoloko bemkhumbula baze bayigcine imiyalelo yakhe athe wabanika yona; ukuze babenokusoloko benawo uMoya wakhe ukunye nabo. Amen.


  • Ukusikelelwa kwaManzi

    Owu Thixo, Bawo onguNaphakade, siyakucela egameni loNyana wakho, uYesu Krestu, ukuba usikelele kwaye ungcwalise la manzi kuyo imiphefumlo yabo bonke abo baselayo kuyo, ukuze babe nokukwenza benenkumbulo yegazi loNyana wakho, elaphalalela bona; baze babe nokungqina kuwe, Owu Thixo, Bawo onguNaphakade, baze besoloko bemkhumbula, ukuze babenawo uMoya wakhe ukuba ube kunye nabo. Amen.