UYesu Krestu
Ukusikelelwa kweSonka


Ukusikelelwa kweSonka

Owu Thixo, Bawo onguNaphakade,
siyakucela egameni loNyana wakho, uYesu Krestu,
ukuba usikelele kwaye ungcwalise esi sonka
kuyo imiphefumlo yabo bonke abathi bathabathe kuso,
ukuze babe nokutya benenkumbulo yomzimba woNyana wakho,
baze bangqine kuwe, Owu Thixo, Bawo onguNaphakade,
okokuba bazimisele ukuthabathela kubo igama loNyana wakho,
baze besoloko bemkhumbula
baze bayigcine imiyalelo yakhe athe wabanika yona;
ukuze babenokusoloko benawo uMoya wakhe ukunye nabo.
Amen.