UYesu Krestu
Ukusikelelwa kwaManzi


Ukusikelelwa kwaManzi

Owu Thixo, Bawo onguNaphakade,
siyakucela egameni loNyana wakho, uYesu Krestu,
ukuba usikelele kwaye ungcwalise la manzi
kuyo imiphefumlo yabo bonke abo baselayo kuyo,
ukuze babe nokukwenza benenkumbulo yegazi loNyana wakho,
elaphalalela bona;
baze babe nokungqina kuwe, Owu Thixo, Bawo onguNaphakade,
baze besoloko bemkhumbula,
ukuze babenawo uMoya wakhe ukuba ube kunye nabo.
Amen.