Uncedo lweZifundo
GJS, KwabaseRoma 7


GJS, KwabaseRoma 7:5–27. Thelekisa nabaseRoma 7:5–25

Kuphela nguKrestu onamandla okuguqula ngokungenasiphelo imiphefumlo yabantu.

5 Kuba oko besikwinyama, ukuthabatheka zizono, ebekungekuko okomthetho, kwakusebenza emalungwini ethu ukuxakatha isiqhamo esisa ekufeni.

6 Ke ngoku sikhululwe thina kuwo umthetho safayo nje, kwesasibanjwe kuwo umthetho, ngokokude sikhonze sinobutsha bomoya, kwaye kungekuko kubudala bomthetho obhaliweyo.

7 Sithini na ke ngoko? Umthetho usisono na? UThixo uyala. Nakanye, andisazanga isono, kodwa kungokomthetho; kuba nenkanuko ngendingayazanga, ukuba umthetho ubungatshongo ukuthi, Uze unganqweneli.

8 Kodwa isono, sizuze ithuba ngawo umyalelo, sasebenza ngaphakathi kwam kuyo yonke inkanuko. Kuba kungekho mthetho isono sifile.

9 Mna ke bendifudula ndiphilile ngaphandle kokwaphula umthetho, uthe ke wakufika umyalelo kaKrestu, sabuya saphila isono, ndafa ke mna.

10 Kwaye xa ndandingakholelwanga emyalelweni kaKrestu owafikayo, owawumiselwe ubomi, ndiwufumene kum undigwebela ekufeni.

11 Kuba isono, sithe sazuza ithuba, savimbela umyalelo, saye sandilukuhla; kwaye ngaso ndabulawa.

12 Nangona kunjalo, ndiwufumana umthetho ungcwele, yaye nomyalelo ungcwele, unobulungisa, kwaye ulungile.

13 Oko ke kulungileyo kwaba kukufa na ke kum? UThixo uyala. Kodwa isono, ukuze sibonakale sisisono sisebenza ukufa kum ngoko kulungileyo; ukuze isono, ngawo umyalelo, sibe sisono ngokuncamisileyo.

14 Kuba siyazi ukuba umyalelo ungowomoya; kodwa xa ndandiphantsi komthetho, ndandisesenyameni, kuthengiswe ngam phantsi kwesono.

15 Kodwa ngoku ndisemoyeni; kuba oko ndikuyalelweyo ukuba ndikwenze, ndiyakwenza; kwaye oko ndikuyalelweyo ukuba ndingakuvumeli, andikuvumeli.

16 Kuba oko ndikwaziyo ukuba akulungile, andikwenzi; kuba oko kusisono, ndiyakucaphukela.

17 Ukuba ngoko andikwenzi oko ndingakuvumeliyo; ndivumelana nomthetho, olungileyo; kwaye ke andigwetywanga.

18 Ngoko ke, ayisendim osebenza isono, ke ndifuna ukoyisa eso sono simiyo phakathi kwam.

19 Kuba ndiyazi ngaphakathi kwam, oko kukuthi, enyameni yam, akumi nto ilungileyo; kuba ukuthanda kukho kum, kodwa kona ukusebenza okulungileyo andikufumani, kuphela kuKrestu.

20 Kuba okulungileyo ebe ndinokukwenza xa ndiphantsi komthetho, andikufumani kulungile; ke ngoko, andikwenzi.

21 Kodwa okubi endingayi kukwenza phantsi komthetho, ndikufumana kulungile; oko, ndiyakwenza.

22 Ukuba ngoku ndenza oko, ngoncedo lukaKrestu, andiyi kukwenza phantsi komthetho, andikho phantsi komthetho; kwaye ayisekuko kungakumbi endifuna ukukwenza okungalungileyo, kodwa ndoyise isono esisihleli kum.

23 Ndifumana ngoko okokuba phantsi komthetho, okokuba xa ndiya kwenza okuhle babukho ububi kum; kuba ndikholana nomthetho kaThixo okomntu ongaphakathi.

24 Nangoku ndibona mthetho wumbi, nkqu umyalelo kaKrestu, yaye ushicilelwe engqondweni yam.

25 Kodwa ndibona amalungu am esilwa nomthetho wengqiqo yam, kwaye endizisa ekuthinjweni ngumthetho wesono lowo usemalungwini am.

26 Kwaye ukuba andisoyisi isono eso sikum, kodwa ngenyama ndikhonza umthetho wesono; Athi ke mna mntu uludwayi! azi ngubani na oya kundihlangula kulo mzimba woku kufa?

27 Ndiyabulela kuThixo ngoYesu Krestu iNkosi yethu, ngoko ke, mna ngokwam ngayo ingqiqo ndikhonza umthetho kaThixo.