Uncedo lweZifundo
GJS, KwabaseRoma 4


GJS, KwabaseRoma 4:2–5. Thelekisa nabaseRoma 4:2–5

Abantu banako kuphela ukusindiswa ngofefe lukaYesu Krestu, ingeyiyo imisebenzi enxulumene nokugcina umthetho kaMoses.

2 Kuba ukuba uAbraham wayegwetyelwe ngomthetho wemisebenzi, ebenokuthi azukise isiqu sakhe; kodwa ingabi kuThixo.

3 Kuba sithini na ke isibhalo? UAbraham wakholelwa kuThixo, kwaye ke kwabalelwa kuye ngobulingisa.

4 Ngoku kulowo ogwetyelwe ngomthetho wemisebenzi, umvuzo awubalelwa, ngokofefe, kodwa ngokwetyala.

5 Kodwa kulowo ungafuni kugwetyelwa ngomthetho wemisebinzi, kodwa ekholelwa kuye ongagwebeliyo abangahloneli Thixo ukholo lwakhe lubalelwa ebulungiseni.

GJS, KwabaseRoma 4:16. Thelekisa nabaseRoma 4:16

Zombini ukholo nemisebenzi, ngobabalo, zifunekela usindiso.

16 Ke ngoko nina nigwetyelwe ngokholo nemisebenzi, ngobabalo, ukuze isithembiso sibe nokuqiniseka kuyo yonke imbewu; ingabi kubo kuphela abangabomthetho, kodwa kanjalo kubo abangabokholo luka-Abraham; ongubawo wethu sonke,