Uncedo lweZifundo
GJS, IGenesis 50


GJS, IGenesis 50:24–38. Thelekisa neGenesis 50:24–26; 2 Nifayi 3:4–22

UYosefu eYiputa waprofetha ngoMoses ekhulula amaSirayeli ebukhobokeni bamaYiputa; begatya lezizukulwana zikaYosefu zikhokelelwa kwilizwe elikude, apho ziya kukhunjulwa kumnqophiso weNkosi; kaThixo ebiza umprofeti wemihla yokugqibela ogama linguJoseph ahlanganise iirekhodi zikaYuda nezikaYosefu; nezika-Aron zisebenza njengomthetheli kaMoses.

24 Kwaye uYosefu wathi kubazalwana bakhe, ndiza kufa; kwaye ndiya kuya koobawo; ndaye ndiya ezantsi engcwabeni lam ngokugcoba. UThixo kabawo uYakobi abe nani, anikhulule niphume kwinkxwaleko ngemihla yobukhoboka benu; kuba iNkosi ithe yandivelela, kwaye ndizuze isithembiso seNkosi, okokuba kwisiqhamo sesinqe sam, iNkosi uThixo iya kuphakamisa isebe elinobulungisa esinqeni sam; nakuwe, ubawo uYakobi amthiye uSirayeli, umprofeti; (ingenguye uMesiya obizwa ngokuba nguShilo;) kwaye lo mprofeti uya kukhulula abantu bam baphume eYiphutha ngemihla yobukhoboka babo.

25 Kwaye kuya kwenzeka okokuba baya kuchithachithwa kwakhona; nesebe liya kuqetshulwa lisuke, libe liya kuthwalelwa kwilizwe elikude; nangona kunjalo baya kukhunjulwa kwiminqophiso yeNkosi, xa uMesiya esiza; kuba uya kwenziwa abonakale kubo ngemihla yokugqibela, eseMoyeni wamandla; kwaye uya kubakhupha ebumnyameni baye ekukhanyeni; baphume emfihlakalweni yobumnyama, kwaye baphume nasekuthinjweni baye enkululekweni.

26 Imboni iNkosi uThixo aya kuyiphakamisa, eya kuba yimboni ekhethekileyo kwisiqhamo sesinqe sam.

27 Itsho njalo kum iNkosi uThixo woobawo, Imboni ekhethekileyo iya kuphakanyiswa iphuma kwisiqhamo sesinqe sakho, kwaye iya kunikwa isidima esikhulu phakathi kwesiqhamo sesinqe sakho; kwaye kuyo ndiya kunikela umyalelo wokokuba iya kwenza umsebenzi kwisiqhamo sesinqe sakho, abantakwenu.

28 Kwaye ndiya kuzisa kubo ulwazi lweminqophiso endayenzayo nooyihlo; kwaye iya kwenza nawuphina umsebenzi endiya kuyiyalela wona.

29 Kwaye ndiya kumenza mkhulu emehlweni am, kuba uya kwenza umsebenzi wam; kwaye uya kuba mkhulu njengalowo endithe ndiya kumphakamisela kuwe, akhulule abantu bam, Owu ndlu kaSirayeli, baphume elizweni laseYiphutha; kuba imboni iya kuphakhanyiselwa ukukhulula abantu bam baphume elizweni laseYiphutha; kwaye iya kubizwa ngokuba nguMoses. Kwaye ngeli gama iya kwazi ukuba iyeyendlu yakho; kuba iya kukhuliswa yintombi yokumkani, kwaye iya kubizwa ngonyana wayo.

30 Kwaye kwakhona, imboni iya kuphakanyiswa iphuma kwisiqhamo sesinqe sakho, kwaye kuyo ndiya kunikela amandla okuzisa ngaphambili ilizwi lam embewini yesinqe sakho; kwaye ingabi kuphela ekuziseni ngaphambili ilizwi lam, itsho iNkosi, kodwa ekubaqinisekiseni ngelizwi lam, eliya kuba selihambele phambili phakathi kwabo kwimihla yokugqibela;

31 Ngako oko isiqhamo sesinqe sakho siya kubhala, nesiqhamo sesinqe sikaYuda siya kubhala; kwanoko kuya kubhalwa sisiqhamo sesinqe sakho, kananjalo noko kuya kubhalwa ngesiqhamo sesinqe sikaYuda, kuya kuhluma kunye kuye ekukhwankqisweni kweemfundiso zobuxoki, nasekubekweni phantsi kweembambano, kwaye kumiselwe uxolo phakathi kwesiqhamo sesinqe sakho, kwanokubazisa kulwazi looyise ngemihla yokugqibela; nakulwazi kanjalo lweminqophiso yam, itsho iNkosi.

32 Kwaye ebuthathakeni iya kwenziwa yomelele, ngalo mhla xa umsebenzi wam uya kuya phambili phakathi kwabo bonke abantu bam, oya kubabuyisela, abo bendlu kaSirayeli, ngemihla yokugqibela.

33 Kwaye loo mboni ndiya kuyisikelela, kwaye abo bafuna ukuyitshabalalisa baya kukhwankqiswa; kuba esi sisithembiso endisinika wena; kuba ndiya kukukhumbula ukusuka kwisizukulwana kuye kwisizukulwana; kwaye igama lakhe kuya kuthiwa nguJoseph, kwaye kuya kuba semva kwegama likayise; kwaye uya kufana nawe; kuba into iNkosi eya kuyizisa phambili ngesandla sakhe iya kuzisa abantu bam elusindisweni.

34 Kwaye iNkosi yafunga kuYosefu ukuba iya kuyilondoloza imbewu yakhe ngonaphakade, isithi, Ndiya kuphakamisa uMoses, kwaye intonga iya kuba sesandleni sakhe, kwaye uya kuhlanganisela kunye abantu bam, kwaye uya kubakhokela njengomhlambi, kwaye uya kubetha amanzi oLwande oluBomvu ngentonga yakhe.

35 Kwaye uya kuba nentelekelelo, kwaye uya kubhala ilizwi leNkosi. Kwaye akayi kuthetha amazwi amaninzi, kuba ndiya kubhala kuye umthetho wam ngomnwe wesandla esisesam. Kwaye ndiya kumenzela isithethi, kwaye igama laso kuya kuthiwa nguAron.

36 Kwaye kuya kwenziwa nakuwe kanjalo ngemihla yokugqibela, nkqu njengoko ndifungile. Ke ngoko, uYosefu wathi kubazalwana bakhe, uThixo ngokwenene uya kunivelela, aze anikhuphele ngaphandle kweli lizwe, niye elizweni awalifungela uAbraham nakuye uIsake, nakuYakobi.

37 Kwaye uYosefu waqinisekisa ezinye izinto ezininzi kubo abazalwana bakhe, kwaye wathabatha isifungo sabantwana bakaSirayeli, esithi kubo, uThixo ngokwenene uya kunivelela, kwaye niya kuwanyusa amathambo am emke apha.

38 Ngako oko uYosefu wafa xa wayeneminyaka elikhulu elineshumi ubudala; kwaye bamqhola, baza bamfaka etyeyeni eYiphutha; kwaye wagcinwa ekubeni aze angcwatywe ngabantwana bakaSirayeli, ukuze abe nokunyuswa aze alaliswe engcwabeni kunye noyise. Ngokwenjenjalo bakhumbula isifungo abasifungayo kuye.