Uncedo lweZifundo
GJS, IGenesis 15


GJS, IGenesis 15:9–12. Thelekisa neGenesis 15:1–6

UAbraham ufunda ngoVuko aze abone umbono wobufundisi basenyameni bukaYesu.

9 Kwaye uAbraham wathi, Nkosi Thixo, uya kundinika njani na eli lizwe libe lilifa elingenasiphelo?

10 Kwaye iNkosi yathi, Nokuba unokufa, andikabinako ukulinikela kuwe?

11 Kwaye ukuba uya kufa, uya kuba nako ukuba nalo, kuba uyeza umhla, xa uNyana woMntu aya kuphila; kanti ke unokuphila njani ukuba engakhange afe? umele kuqala adliswe ubomi.

12 Kwaye kwenzekile, okokuba uAbram wajonga phambili kwaye wabona imihla yoNyana woMntu, kwaye wavuya, nomphefumlo wakhe wafumana ukuphumla, kwaye wakholwa eNkosini; kwaye ke iNkosi yakubalela oko ebulungiseni kuye.