Uncedo lweZifundo
GJS, IGenesis 9


GJS, IGenesis 9:4–6. Thelekisa neGenesis 8:20–22

Emva koNogumbe, uNowa wacela iNkosi ingawuqalekisi umhlaba kwakhona.

4 Kwaye uNowa wakhela iNkosi isibingelelo, kwaye ke wathabatha zonke izilwanyana ezicocekileyo, neentaka zonke ezicocekileyo, kwaye ke wanikela iminikelo etshisiweyo esibingelelweni; kwaye wanika iNkosi imibulelo, yaye wagcoba entliziyweni yakhe.

5 Kwaye ke iNkosi yathetha kuNowa, yaye yamsikelela. Kwaye uNowa wajoja incasa emnandi, kwaye wathi entliziyweni yakhe;

6 Ndiya kubiza egameni leNkosi, okokuba ayisayi kuwuqalekisa umhlaba kwakhona nanini na ngenxa yesizathu somntu, kuba ukucinga kokuyila kwentliziyo yomntu kubi ukususela ebutsheni bakhe; nokokuba ayisayi kubetha kwakhona izinto eziphilayo nanini na, njengoko yathi yenza, xeshikweni umhlaba usele;

GJS, IGenesis 9:10–15. Thelekisa neGenesis 9:4–9

Umntu unetyala ngokuchitha igazi lezilwanyana nelabantu. UThixo waseka umnqophiso noNowa noonyana bakhe okwafanayo nawenza noEnoki.

10 Kodwa, igazi layo yonke inyama endininikele ukutya, liya kuchithwa phezu komhlaba, othatha ubomi bayo, kwaye igazi anisayi kulidla.

11 Kwaye ngokwenene, igazi alisayi kuchithwa, kuphela ngokutya, ukusindisa ubomi benu; kwaye igazi lazo zonke izinto eziphilileyo ndiya kulifuna ezandleni zenu.

12 Kwaye nababina ophalaza igazi lomntu, igazi lakhe liya kuphalazwa ngumntu; kuba umntu akasayi kuphalaza gazi lamntu.

13 Kuba ndininika umyalelo, kwaye wonke umzalwana womntu uya kulondoloza ubomi bomntu, kuba umntu ndimenze ngokomfanekiselo ongowam.

14 Kwaye ndininika umyalelo, Nina ke qhamani nize nande; nizalise umhlaba kakhulu, nize nande kuwo

15 Kwaye uThixo wathetha kuNowa, nakoonyana bakhe ndawonye naye, esithi, Kwaye, qaphelani, mna, ndiya kuwumisa umnqophiso wam nani, endawenzayo kuyihlo uEnoki, ngokunxulumene nembewu yenu emva kwenu.

GJS, IGenesis 9:21–25. Thelekisa neGenesis 9:16–17

UThixo ubeka umnyama ezulwini njengesikhumbuzo somnqophiso Wakhe kuEnoki nakuNowa. Ngemihla yokugqibela intlanganiso jikelele yeBandla lowamaZibulo iya kuhlangana namalungisa emhlabeni.

21 Kwaye umnyama uya kuba sefini; kwaye ndiya kujonga phezu kwawo, ukuze ndibe nokukhumbula umnqophiso ongenasiphelo, endawenza kuyihlo uEnoki; okokuba, xa abantu beya kugcina yonke imiyalelo yam, iZiyon iya kuza kwakhona emhlabeni; isixeko sikaEnoki endasixwilela kum.

22 Kwaye lo ngumnqophiso wam ongenasiphelo, okokuba xa izizukulwana zakho ziya kwamkela inyaniso, zize zijonge phezulu, ngoko ke iZiyon iya kujonga ngezantsi, kwaye onke amazulu aya kungcangcazela luvuyo, nomhlaba uya kunyikima kukugcoba;

23 Kwaye intlanganiso jikelele yebandla lowamazibulo iya kuza ezantsi iphuma ezulwini, ize ibange umhlaba, kwaye iya kuba nendawo kude kufike isiphelo. Kwaye lo ngumnqophiso wam ongenasiphelo, endawenza kunye noyihlo uEnoki.

24 Kwaye umnyama uya kuba sefini, kwaye ndiya kumisa umnqophiso wam kuwe, endiwenze phakathi kwam nawe, kuba zonke izidalwa eziphilileyo zayo yonke inyama ziya kuba phezu komhlaba.

25 Kwaye uThixo wathi kuNowa, Lo ngumqondiso womnqophiso endiwumise phakathi kwam nawe; nayo yonke inyama eziya kuba phezu komhlaba.