Izibhalo
1 Nifayi 21


Isahluko 21

UMesiya uya kuba kukukhanya kwabeeNtlanga kwaye akhulule amabanjwa—USirayeli uya kuhlanganiswa ngamandla kwimihla yokugqibela—Ookumkani baya kuba ngabondli babo—Thelekisa Isaya 49. Malunga 588–570 P.K.

1 Kwaye kwakhona: Phulaphula, Owu wena ndlu kaSirayeli, nonke nina baqetshulweyo naza naqhutyelwa ngaphandle ngenxa yenkohlakalo yabelusi babantu bam; ewe, nonke nina baqetshulweyo, nasasazelwa kude, abangabantu bam, Owu ndlu kaSirayeli. Mamelani, Owu aziqithi, mamelani kum, nize niphulaphule nina bantu babakude; iNkosi indibize kwasesizalweni; ilikhankanye kwasezibilinini zikama igama lam.

2 Kwaye uwenze umlomo wam wanjengekrele elibukhali; esithunzini sesandla sakhe undifihlile waza wandenza itolo elibengezelisiweyo; kumphongolo wakho undifihlile.

3 Waza wathi kum: aUngumkhonzi wam, Owu Sirayeli, endiya kuzukiswa ngaye.

4 Ndaza ndathi ke mna, ndisebenzele ilize, ndiwasebenzisele amandla am kokungento nangelize; ngokwenene isigwebo sam siseNkosini, kwaye nomsebenzi wam ukuye uThixo wam.

5 Kwaye ngoku, yathi iNkosi—aeyandibumba kwasesizalweni ukuze ndibe ngumkhonzi wayo, ukuze ndibuyisele uYakobi kuyo kwakhona—nokuba uSirayeli akakahlanganiswa, kodwa ndiya kuhlala ndizukile emehlweni eNkosi, kwaye uThixo wam uyakuba ngamandla am.

6 Waza wathi: Kuyinto elula ukuba ube ngumkhonzi wam ukuze uvuse aizizwe zikaYakobi, uze ubuyisele intsalela kaSirayeli. Ndiya kukunikezela kanjalo ukuba ube bkukukhanya kubo cabeeNtlanga, ukuze ubelusindiso lwam kude kuye kwiziphelo zomhlaba.

7 Itsho njalo ke iNkosi, uMkhululi kaSirayeli, oNgcwele wakhe, kulowo abantu bamcekisayo, kulowo izizwe zimthiyileyo, kumkhonzi wabalawuli: OoKumkani baya kubona baze besuke beme, iinkosana kanjalo ziya kunqula, ngenxa yeNkosi enyanisekileyo.

8 Itsho njalo ke iNkosi: Ngexesha elamkelekileyo ndikuvile, Owu ziqithi zolwandle, kwaye ngomhla wosindiso ndikuncedisile; kwaye ndiya kukulondoloza, ndize ndikunike aumkhonzi wam njengomnqophiso wabantu, ukumisela umhlaba, ukuze ubenze bawadle ilifa amanxiwa angamafa;

9 Ukuze ubenokuthi akumabanjwa: Hambani nimke; kubo abo bahleli bebumnyameni: Zibonakaliseni. Baya kudla ezindleleni, kwaye cnamadlelo abo aya kuba kuzo zonke iindawo eziphakamileyo.

10 Abasayi kulamba bengasayi kunxanwa, nobushushu kwanelanga azisayi kubabetha; kuba lowo ube nenceba kubo uya kubakhokela, kwanangayo imithombo yamanzi uya kubakhokela.

11 Kwaye ndiya kuzenza zonke iintaba zam zibe yindlela, kwaye aimendo zam ziya kuphakanyiswa.

12 Kwaye ke, Owu ndlu kaSirayeli, qaphela, aaba baya kuba bevela kude; kwaye yabona, aba basuka emantla nasentshona; kwaye aba basuka kwilizwe laseSinim.

13 aVuma ingoma, Owu mazulu; uze uvuye, Owu mhlaba; kuba iinyawo zabo basempumalanga ziya kuzinziswa; baze bagqabhuke engomeni, Owu zintaba, kuba abasayi kuphinda babethwe; kuba iNkosi ibathuthuzele abantu bayo, kwaye iya kuba nenceba kwabo babandezekileyo bayo.

14 Kodwa, qaphela, iZiyon ithe: INkosi yam indishiyile, kwaye iNkosi yam namfesane—kodwa iya kuthi ibonakalise ukuba ayindilibalanga.

15 Kuba aumfazi angamlibala na umntwana wakhe amanyisayo, aze angabi naluvelwano kunyana wesizalo sakhe? Ewe, basenako bukulibala, kanti mna andisayi kunilibala, Owu ndlu kaSirayeli.

16 Qaphela, ndikukrolile phezu akwentende yezandla zam; iindonga zakho ziphambi kwam ngamaxesha onke.

17 Abantwana bakho baya kukhawuleza ngokuchasene nabo bakutshabalalisayo; kwaye abo bathi bakwenza aumqwebedu baya kuba phambili kunawe.

18 Phakamisela amehlo akho ngapha-nangapha uze ubone; bonke aba abahlanganisene kunye, kwaye baya kuza kuwe. Kwaye njengoko ndiphila, itsho iNkosi, ngokwenene uya kuzambathisa ngabo bonke, njengesihombiso, kwaye ubabhinqe njengoko umtshakazi ebhinqa.

19 Kuba umqwebedu wakho neenkangala zeendawo zakho, nelizwe lentshabalalo yakho, liya kuxinana kakhulu nangalo eli lixa ngenxa yabemi; kwaye abo bathi bakuginya baya kuba kude.

20 Abantwana oya kuthi ubenabo, emva kokuba ulahlekelwe ngabo bokuqala, baya kuthi ezindlebeni zakho kwakhona: Indawo aicuthene kakhulu kum; ndinike indawo ukuze ndihlale.

21 aUya kuthi ke entliziyweni yakho: Ndibazalelwe ngubani aba, ndalahlekelwa nje ngabantwana bam, kwaye bndikhedamile, umthinjwa, kwaye ndisiwa ngapha nangapha? Kwaye ngubani ondikhulisele bona? Qaphela, ndandishiyeke ndindedwa; aba, bebekade bephi?

22 Itsho njalo ke iNkosi uThixo: Qaphelani, ndiya kusiphakamisela phezulu isandla sam akwabeeNtlanga, ndize ndimisele bibhanile yam ebantwini; kwaye baya kubafunqula oonyana benu cezingalweni zabo, kwaye iintombi zenu ziya kutyathwa emagxeni abo.

23 Kwaye aookumkani baya kuba bngabondli babo, baze ookumkanikazi babo babanyise; baya kuqubuda phantsi kuni ubuso babo bujonge ngasemhlabeni, baze bakhothe uthuli lweenyawo zakho; kwaye uya kuyazi ukuba ndim iNkosi; kuba abayi kuba nazintloni abo bathi cbandilindele.

24 Kuba ingaba ixhoba liya kuthatyathwa kwabo banamandlakazi, okanye aabathinjwa abagcina imithetho bakhululwe?

25 Kodwa itsho njalo ke iNkosi, kwanabo abathinjwa babanamandlakazi baya kuthatyathwa bamkiswe; kwaye ixhoba labo boyikekayo liya kuhlangulwa; kuba ndiya kubambana naye obambana nawe, kwaye ndiya kubasindisa abantwana bakho.

26 Kwaye ndiya akubadlisa inyama yabo abo bakucinezelayo; baya kunxiliswa ligazi labo ngokungathi yiwayini emnandi; kwaye yonke inyama iya bkuyazi ukuba mna, Nkosi, ndinguMsindisi noMkhululi wakho, cOnamandlakazi kaYakobi.