“EyoMqungu 6–12: ‘Phulaphulani, Owu Nina Bantu’: IMfundiso neMinqophiso 1,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)
“IMfundiso neMinqophiso 1,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025
EyoMqungu 6–12:“Phulaphulani, Owu Nina Bantu”
IMfundiso neMinqophiso 1
KweyeNkanga ka-1831, iBandla elibuyisiweyo likaYesu Krestu lalinonyaka onesiqingatha nje ubudala. Nangona lalikhula, laliseliqela elalisaziwa kancinci lamakholwa elihlala noko kwiidolophu ezincinci, likhokelwa ngumprofeti owayephakathi kwiminyaka engamashumi amabini. Kodwa uThixo wayewathathele ingqalelo la makholwa njengezicaka zaKhe nezithunywa zaKhe, kwaye Yena wayefuna izityhilelo awayebanikeze zona ukuba zipapashwe ehlabathini.
IMfundiso neMinqophiso icandelo 1 sisingeniso seNkosi, okanye intshayelelo, kwezi zityhilelo. Ibonisa ngokucacileyo ukuba nangona ubulungu beBandla babubuncinane, kwakungekho nto incinane malunga nomyalezo uThixo awayefuna abaNgcwele babelane ngawo. Li “lilizwi lesilumkiso” kubo bonke “abemi bomhlaba,” libafundisa ukuba baguquke nokuba baseke “umnqophiso wanaphakade” kaThixo (imiqolo 4, 8, 22). Izicaka ezithwala lo myalezo “ngababuthathaka nabaqhelekileyo.” Kodwa izicaka ezithobekileyo zezona uThixo azibizayo—ngokuya nangoku—ukuzisa iBandla laKhe ukuba “liphume emfihlakalweni nasebumnyameni”(imiqolo 23, 30).
Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni
“Phulaphulani, Owu Nina Bantu.”
Intshayelelo yazisa incwadi. Yona ichonga imixholo neenjongo zencwadi kwaye inceda abafundi balungiselele ukufunda. Njengoko ufunda icandelo 1—“intshayelelo” yeNkosi kwiiMfundiso neMinqophiso (umqolo 6)—khangela imixholo neenjongo iNkosi eyathi yazinikela izityhilelo zaYo. Yintoni oyifundayo eyakuthi ikuncede kufundo lwakho lweMfundiso neMinqophiso kulo nyaka? Ngokomzekelo, mhlawumbi ungacingisisa ukuba kuthetha ukuthini “ukuva ilizwi leNkosi” kwezi zityhilelo (umqolo 14) okanye “ukuphengulula le miyalelo” (umqolo 37).
Bona kananjalo intshayelelo kwiMfundiso neMinqophiso.
IMfundiso neMinqophiso 1:4–6, 23–24, 37–39
INkosi ithetha ngezicaka zaYo, kuquka abaprofeti bemihla yokugqibela.
Icandelo 1 liqala kwaye liphele ngesibhengezo seNkosi sokuba Yena uthetha ngezicaka zaKhe ezikhethiweyo (bona imiqolo 4–6, 23–24, 38). Bhala phantsi oko ukufunda kwesisityhilelo malunga:
-
INkosi nelizwi laYo.
-
Kutheni abaprofeti befuneka kumhla wethu.
Yintoni oziva ushukunyiselwa ukuba uyenze ngenxa yokufunda ezi mfundiso?
Wawukhe waliva nini ilizwi leNkosi kwilizwi lezicaka zaYo? (bona umqolo 38).
Unokucinga kananjalo ukuba umhlobo ongaziyo ngabaprofeti abaphilayo ufunda icandelo 1 kunye nawe. Yeyiphi imibuzo anokuba nayo umhlobo wakho? Yeyiphi imiqolo obungathanda ukuyixoxa nomhlobo wakho ukuze umncede aqonde indlela ovakalelwa ngayo ngokuba nabaprofeti kule mihla yethu?
Unokuba nomdla ukwazi ukuba xa ibhunga labadala ladibana ngo-1831 ukuthetha ngokupapasha izityhilelo zikaJoseph Smith, abanye abantu bayichasa le ngcamango. Babeneentloni ngobuthathaka bukaJoseph ekubhaleni, kwaye babenexhala lokuba ukupapasha izityhilelo kunokubangela iingxaki ezingakumbi kwabaNgcwele (bona Saints, 1:140–43). Ukuba wawulilungu leli bhunga, ngewawuziphendule njani ezi zinto zixhalabisayo? Zeziphi iingqiqo ozifumana kwicandelo 1 ezazinokuba luncedo? (bona, Ngokomzekelo, imiqolo 6, 24, 38).
INkosi ithetha nathi ngezicaka zaYo, abaprofeti.
IMfundiso neMinqophiso 1:12–30, 34–36
UBuyiselo lundinceda ukuba ndijamelane nemiceli mngeni yeentsuku zokugqibela.
Kwi Mfundiso neMinqophiso icandelo 1, iNkosi icacisa ukuba kutheni yabuyisela ivangeli yaYo. Jonga ukuba zingaphi izizathu onokuzidwelisa njengoko ufunda imiqolo 12–23. Kumava akho, zifezekiswa njani iinjongo zeNkosi zoBuyiselo?
INkosi yayisazi ukuba imini yethu iya kuba nemingeni enzima (bona umqolo 17). Yintoni oyifumana kwimiqolo 17–30, 34–36 ekunceda uve uxolo nokuzithemba ngaphandle kwale mingeni?
IMfundiso neMinqophiso 1:19–28
INkosi isebenzisa “ababuthathaka nabaqhelekileyo” ukufezekisa umsebenzi waYo.
Njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 1:19–28, ungacingisisa ukuba kuthetha ukuthini ukuba sisicaka seNkosi. Ziziphi iimpawu iNkosi efuna zibe nazo izicaka zaYo? Yintoni iNkosi eyifezayo ngezicaka zaYo? Zizaliseka njani iziprofeto eziku le miqolo kwihlabathi lonke nakubomi bakho?
Khangela uYesu Krestu. Injongo yezibhalo kukungqina ngoMsindisi nevangeli yaKhe. Njengoko ufunda IMfundiso Neminqophiso 1, cinga ngokuphawula okanye ukuqwalasela imiqolo ekufundisa malunga noYesu Krestu.
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga Liyahona kunye Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.
Iingcebiso Zokufundisa Abantwana
IMfundiso neMinqophiso 1:4, 37–39
Ngabaprofeti baKhe, iNkosi iyandilumkisa ngengozi yomoya.
-
Ukuqala ingxoxo ngezilumkiso ezivela eNkosini, unokuthetha ngezilumkiso esizifumana kwabanye abantu ngeengozi esingenako ukuzibona. Eminye imizekelo inokuquka umgangatho omtyibilizi, isaqhwithi esizayo, okanye imoto ezayo. Mhlawumbi wena nabantwana bakho ningajonga imizekelo yeempawu ezilumkisayo kwaye nithelekise ezi zilumkiso nezilumkiso iNkosi esinika zona. Ngokwayo IMfundiso neMinqophiso 1:4, 37–39, ingaba iNkosi isilumkisa njani? Yintoni Yona athe yasilumkisa ngayo kutshanje? Mhlawumbi ningabukela okanye nifunde iindawana zemiyalezo yenkomfa yajikelele yakamva nje kwaye nikhangele imizekelo “yelizwi likaThixo lesilumkiso.”
-
Yabelana ngobungqina bakho bokuba umprofeti uthetha ilizwi likaThixo.
UBuyiselo lundinceda ukuba ndijamelane nemiceli mngeni yeentsuku zokugqibela.
-
Ukukhuthaza ingxoxo malunga neMfundiso neMinqophiso 1:17, wena nabantwana bakho ningacinga ukuba nilungiselela uhambo. Ningapakisha ntoni? Ukuba ubusazi kusengaphambili kwexesha ukuba kuza kunetha okanye inqwelo-mafutha okanye ibhasi yakho iza kugqabhuka itayari, oko bekuya kuyichaphazela njani indlela obulungiselela ngayo uhambo? Fundani kunye umqolo 17, kwaye nithethe ngento iNkosi eyayisazi ukuba iya kwenzeka kuthi. Yona yayilungiselela njani? (Ukuba kuyimfuneko, cacisa ukuba “intlekele” yintlekele okanye into eyoyikekayo.) Imithetho kaThixo isinceda njani sihlangabezane nemiceli mngeni kwixesha lethu?
IMfundiso neMinqophiso 1:17, 29
INkosi yabiza uJoseph Smith ukuba abe ngumprofeti.
-
Ukufunda ngendima kaJoseph Smith ekubuyiseni ivangeli yoMsindisi, wena nabantwana bakho ningajonga kumfanekiso woMsindisi nomfanekiso kaJoseph Smith (bona imifanekiso kolu lwandlalo) kwaye nithethe ngento uMsindisi asinike yona ngoJoseph. Smith. Abantwana bakho banokukhangela imizekelo kwiMfundiso neMinqophiso 1:17, 29. Xelela abantwana bakho ukuba wazi njani ukuba uThixo “wabiza isicaka sam uJoseph Smith, Omnci., ndaye ndathetha naye ndivela ezulwini” (umqolo 17).
© 1998 David Lindsley
IBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela liBandla loMsindisi “eliyinyani neliphilayo ibandla.”
-
Kuthetha ukuthini ukutsho ukuba iBandla “liyinyani neliphilayo”? Ukuze wenze abantwana bakho bacinge ngalo mbuzo, mhlawumbi unokubabonisa izinto eziphilayo nezingaphiliyo—njengesityalo esiphilayo nesityalo esifileyo. Sazi njani ukuba into iyaphila? Emva koko ungafunda IMfundiso neMinqophiso 1:30 kwaye uthethe malunga nokuba kungathetha ukuthini iBandla ukuba “liyinyani kwaye neliphilayo.”
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.