Yizani, Nindilandele 2024
EyoMqungu 20–26: “IiNtliziyo zaBantwana Ziya Kuguqukela kooYise”: IMfundiso neMinqophiso 2; IMbali—kaJoseph Smith 1:27–65


“EyoMqungu 20–26: ‘IiNtliziyo zaBantwana Ziya Kuguqukela kooYise’: IMfundiso neMinqophiso 2; IMbali—kaJoseph Smith 1:27–65,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)

IMfundiso neMinqophiso 2; IMbali—kaJoseph Smith 1:27–65,” Yizani, Nindilandele— EyaKhaya neBandla: 2025

UJoseph Smith efumana umbono wengelosi uMoronayi

Incukacha ivela He Called Me by Name [Wandibiza Ngegama], nguMichael Malm

EyoMqungu 20–26: “IiNtliziyo zaBantwana Ziya Kuguqukela kooYise”

IMfundiso neMinqophiso 2; IMbali—kaJoseph Smith 1:27–65

Yayiyi minyaka emithathu oko uThixo uYise noNyana waKhe, uYesu Krestu, baziveza kuJoseph Smith ehlathini, kwaye kwakungekabikho zityhilelo ezongezelelweyo uJoseph awayesele ezifumene ukusukela ngoko. Waqala wazibuza ukuba ingaba iNkosi ibingakholisekanga na nguye. Njengathi sonke, naye wayekhe wazenza iimpazamo, ibe wayeziva egwetyiwe ngazo. Kanti uThixo wayesenomsenzi ambekele ukuba awenze. Kwaye umsebenzi uJoseph owayebizelwe ukuba awenze uqhakamshelene noko uThixo asicela kona. UJoseph wayeza kuzisa ngaphambili iNcwadi kaMormoni; siyamenywa ukuba sabelane ngomyalezo wayo. UJoseph wayeza kufumana izitshixo zobubingeleli ukuze aguqulele iintliziyo zabantwana kooyise; ngoku singafumana imimiselo yezinyanya zethu ezitempileni. UJoseph waxelelwa ngeziprofeto ezaziza kuzaliseka kungekudala; sibizelwe ukunceda ukuzalisekisa ezi ziprofeto. Njengoko sithatha inxaxheba kumsebenzi kaThixo, sinokulindela inkcaso kwanentshutshiso, kanye njengokuba wenjenjalo uMprofeti. Kodwa nathi kananjalo singabanokholo lokuba iNkosi iya kusenza izixhobo ezandleni zaYo, njengoko Yona yayenzile kuJoseph.

Bona kananjalo Saints, 1:20–48.

umfanekiso wokufunda

Izimvo zokufunda eKhaya naseBandleni

IMbali—kaJoseph Smith 1:27–33

umfanekiso weseminari
UThixo unomsebenzi afuna ukuba ndiwenze.

Yinto enye ukukholelwa ukuba uThixo wayenomsebenzi wokuba uJoseph Smith awenze—sinokukhangela emva ebomini bakhe kwaye sibone ngokucacileyo oko akufezileyo. Kodwa ngaba wakhe wayicinga into yokuba nawe uThixo unomsebenzi afuna uwenze? Njengoko ufunda IMbali—kaJoseph Smith 1:27–33, cinga ukuba unokuba yintoni na loo msebenzi. Ingaba unegalelo elinjani kuBuyiselo oluqhubekayo lwevangeli yoMsindisi?

Umdala uGary E. Stevenson wafundisa: “Njengokuba siza kuKrestu kwaye sincede abanye benze okufanayo, sithatha inxaxheba kumsebenzi kaThixo wosindiso nowokuphakanyiswa, ogxile kuxanduva olunyuliweyo olungcwele. … Olu xanduva lulula, luvuselela, lukhuthaza, kwaye luyenzeka. Nalu ke:

  • Ukuphila ivangeli likaYesu Krestu

  • Ukukhathalela abo basweleyo

  • Ukumema bonke ukuba bamkele ivangeli

  • Ukumanyanisa iintsapho ngonaphakade” (“Simply Beautiful—Beautifully Simple,” Liahona, Nov. 2021, 47).

Cingisisa ngamava oke wanawo xa uthatha inxaxheba kuxanduva ngalunye olumiswe/olonyulwe nguThixo. Yintoni uMsindisi angathanda ukuba uyenze elandelayo? Unokuphonononga la maphepha ukuze akuncede uphendule lo mbuzo.

Ngamanye amaxesha ungaziva ngathi iNkosi ayinakukusebenzisa ngenxa yeempazamo ozenzileyo. Yintoni oyifundayo kumava kaJoseph Smith kwiMbali—kaJoseph Smith 1:28–29? Unokukwazi njani “ubume bakho phambi ko [Thixo]”?

Buza imibuzo ekhuthaza ingxoxo enentsingiselo. Imibuzo enempendulo echanekileyo engaphezu kwenye imema abafundi ukuba baphendule ngokusekelwe kwiingcinga zabo zobuqu, iimvakalelo namava. Imibuzo ekolu lwandlalo yimizekelo yoku.

Bona kananjalo “The Work of Salvation and Exaltation,” General Handbook, 1.2.

3:15

Youth Responsibility in the Work of Salvation

IMbali—kaJoseph Smith 1:34–47

Ngokubuyisela ivangeli yaKhe, uMsindisi wazalisekisa iziprofeto zakudala.

Xa uMoronayi wabonakala kuJoseph Smith, wacaphula iziprofeto eziliqela kwiTestamente eNdala neNtsha, ezifana no Isaya 11; Izenzo 3:22–23; kunye Yoweli 2:28–32. Njengoko ufunda IMbali—kaJoseph Smith 1:34–47, cinga kutheni inoba ezi ziprofeto zazibalulekile ukuba uJoseph azazi. Kutheni zibalulekile ukuba wena uzazi?

Usenokufunda kananjalo oko uMdala uDavid A. Bednar wakufundisayo ngotyelelo lokuqala lukaMoronayi kuJoseph Smith ku “With the Power of God in Great Glory” (Liahona, Nov. 2021, 28).

13:16

With the Power of God in Great Glory

IMbali—kaJoseph Smith 1:48–60

UThixo uya kundilungiselela ukuba ndisebenze ebukumkanini baKhe.

UJoseph wayeneminyaka eli-17 kuphela ubudala xa wayeqala ukubona amacwecwe egolide. Zazingaphathiswanga ukhathalelo lwakhe, nangona kunjalo, de kwaba yiminyaka emine kamva. Funda IMbali—kaJoseph Smith 1:48–60, ukhangela okwenzeka kubomi bukaJoseph ngelo xesha. Ucinga ukuba ezi ziganeko zamlungiselela njani kumsebenzi uThixo awayembizele ukuba awenze? Ngawaphi amava oye waba nawo akulungiselele ukuba ukhonze uThixo nabanye? Yintoni ojongene nayo ngoku enokukunceda ulungiselele umsebenzi wexesha elizayo?

umzobo weHill Cumorah, kufutshane neManchester, eNew York

Hill Cumorah [Induli iCumorah], ngu-Al Rounds

IMfundiso neMinqophiso 2

INkosi yathumela u-Eliya ukuba ayijikele intliziyo yam kwizinyanya zam.

Yintoni amagama awafana no “tyala,” no “iintliziyo,” no “guqula,” kweli candelo akufundisa yona malunga nomsebenzi ka-Eliya neentsikelelo zezitshixo zobubingeleli awazibuyiselayo? Ingaba wawukhe wayiva kanjani intliziyo yakho iguqukela kwizinyanya zakho? Cinga ngeendlela onokuziva ngazo iimvakalelo ezinje rhoqo. Ukufuna izinyanya zakho kwaye uzenzele imimiselo etempileni yindlela enye (bona FamilySearch.org). Zeziphi ezinye ongacinga ngazo?

Bona kananjalo IMfundiso neMinqophiso 110:13–16; Gerrit W. Gong, “Happy and Forever,” Liahona, Nov. 2022, 83–86.

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona kunye Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

icandelo labantwana umfanekiso 01

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

IMbali—kaJoseph Smith 1:28–29

Ndingaguquka kwaye ndixolelwe.

  • Sonke ngamanye amaxesha siziva “sigwetyiwe ngenxa [yethu] yobuthathaka nokungafezeki,” njengoko uJoseph Smith wenzayo. Wena nabantwana bakho ninokufunda IMbali—kaJoseph Smith 1:29 kunye, nikhangela into eyenziwa nguJoseph xa wayevakalelwa ngolo hlobo. Yintoni esinokuyifunda kumzekelo wakhe enokusinceda xa sisenza iimpazamo? Kutheni kubalulekile ukwazi ukuba uJoseph wabizwa nguThixo nangona wayengafezekanga?

IMbali—kaJoseph Smith 1:27–54

UBawo waseZulwini wabiza uJoseph Smith ukuba amncede Yena enze umsebenzi waKhe.

  • Abantwana bakho bangonwaba bezenza uJoseph Smith njengokuba ubalisa ingxelo yotyelelo lukaMoronayi kwiMbali—kaJoseph Smith 1:27–54. Ngokomzekelo, basenokusonga iingalo zabo ngokungathi bayathandaza okanye bazenze ngathi banyuka iNduli iCumora, njalo njalo. Emva koko ungabacela ukuba bathethe ngento uThixo awayibizela ukuba ayenze uJoseph Smith nendlela esisikelelwa ngayo ngenxa yoko. Ngokomzekelo, sisikelelwe njani ngenxa yokuba uJoseph Smith waguqulela iNcwadi kaMormoni? Umsebenzi wakhe usincede njani ukuba sisondele kuBawo waseZulwini noYesu Krestu?

    2:29

    The Angel Moroni Visits Joseph Smith: Learning about a sacred book

IMfundiso neMinqophiso 2

UBawo waseZulwini ufuna ukuba iintsapho zitywinwe etempileni.

  • Mhlawumbi wena nabantwana bakho ningakonwabela ukubukela imifanekiso yosapho lwakho, mhlawumbi kuquka nomfanekiso wosapho lwakho etempileni (okanye ubone Incwadi yoMsebenzi woBugcisa yeVangeli, inani. 120). Ungafunda emveni koko IMfundiso neMinqophiso 2 kwaye wabelane omnye nomnye ngeengcinga zakho malunga nokuba kutheni sineetempile kwaye kutheni uBawo waseZulwini efuna iintsapho zibe kunye ngonaphakade.

Young Couple Going to the Temple, English
ITempile yasePalmyra New York

ITempile yasePalmyra New York

IMfundiso neMinqophiso 2

Ukufunda ngezinyanya zam kunokunzisela uvuyo.

  • Abantwana banokuba nemincili kwaye beve uvuyo lwembali yosapho. Ukubanceda, unokubalisa amabali okanye imifanekiso yezinyanya zakho. Thetha nabantwana bakho ngendlela ababephila ngayo ookhokho babo ngexa babengabantwana. Abantwana bakho nabo bangazonwabela ezinye zeziganeko zembali yosapho kwi FamilySearch.org/discovery.

Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

ingelosi uMoronayi ebonisa uJoseph Smith apho amacwecwe egolide afihlwe khona

Joseph Receives the Plates [UJoseph Ufumana Amacwecwe], nguGary E. Smith

iphepha lomsebenzi labantwana