Umyalezo wabaNdwendweli Makhaya, Agasti 2012
Ukuthabatha Inxaxheba Ngexesha LeNtswelo
Funda lo myalezo, kwaye ngokufanelekileyo uxoxe ngawo kunye noodade obandwendwelayo. Sebenzisa lemibuzo ukukunceda womeleze odade bakho kwaye nokukwenza Umbutho wooMama usebenze kwindawo yawo ebomini bakho.

Ukholo, Usapho, Uncedo
Njenga bandwendweli makhaya, enye yeenjongo zethu kukunceda ekomelezeni amasapho kwaye namakhaya. Oodade esibandwendwelayo kufuneka bakwazi ukuthi, “Ukuba Ndiinengxaki, Ndiyayazi ukuba abandwendweli makhaya bayakundinceda bangade balinde ukucelwa.” Ukuze sikwazi ukukhonza, sinomsebenzi ongumthwalo wethu wokuba sizazi iintswelo zoodade esibandwendwelayo. Xa sikhangela impembelelo, siyakuyazi indlela emasiphendule ngayo iintswelo zomoya nezexeshana zoodade esithunywe ukuba sibandwendwele. Emva koko, ukusebenzisa ixesha lethu, ubuchule nobuchwepheshe bethu, iitalente zethu, ukholo kwaye nenxaso yomoya, singanceda ngokusebenza nokukhonza ngemfesane ngamaxesha okugula, okufa, kwaye nakwezinye iimeko ezithile.1
Ngoncedo lweengxelo ezivela kubandwendweli makhaya, isimongameli soMbutho wooMama siyakwazi ukubona abo abaneentswelo ezithile ngenxa yengulo yomzimba wenyama, yomoya, yokungxamisisekileyo, ukuzalwa, ukufa, ubudalwa, umvandedwa, okanye ezinye iingxuba xaxeka. Umongameli woMbutho wooMama uye emva koko anike ubishophu ingxelo yakhe. Ngaphantsi kwenkokhelo yakhe, uye alungise uncediso.2
Njengabandwendweli makhaya singakwazi ukuba “nesizathu esikhulu … sokuvuyisana” ngenxa “yentsikelelo esiyiphiweyo, le yokuba senziwe izixhobo ezandleni zikaThixo ukuzisa phambili lomsebenzi umkhulu” (Alma 26:1, 3).
Kuvela kwiZibhalo eziNgcwele
Mattewu 22:37–40; Luka 10:29–37; Alma 26:1–4; Imfundiso neMinqophiso 82:18–19
Kuphuma Embalini Yethu
Kwiminyaka yangaphambili yeCawa, amalungu ayembalwa kwaye ekwii ndawana ezithile. Amalungu ayekwazi ukuphendula ngokukhawuleza xa umntu eswele. Namhlanje amalungu wethu angaphaya kwe 14 miliyoni (izigidi) kwaye asasazekile elizweni lonke. Undwendwelo makhaya yinxenye yecebo lenkosi lokusinika uncedo kubo bonke abantwana Bakhe.
“Eyona ndlela inye enika intuthuzelo ecaweni enkulu kangaka elizweni lonke elahlukahlukeneyo kungenxa yabakhonzi (abasebenzi) abahluka hlukeneyo abakufuphi kwabantu abasweleyo,” watsho uMongameli Henry B. Eyring, Isekela Lokuqala KwisiMongameli SokuQala seCawa.
“… Wonke ubishophu kwaye naye wonke umongameli wesebe unomongameli woMbutho wooMama axhomekeke kuye,” waqhubeka. “Unabandwendweli makhaya, abazaziyo izilingo kwaye neentswelo zodade ngamnye. Uyakwazi, ngabo, ukwazi iintliziyo zabantu kwaye namasapho abo. Angakwazi ukumelana neetswelo kwaye ancede ubishophu kubizo lwakhe lokonga abantu kwaye namasapho.”3
© 2012 yi Intellectual Reserve, Inc. Onke amalungelo agciniwe. Kubhalwe eUSA. Isivumelo sesiNgesi: 6/11. Isivumelo Sokuguqula: 6/11. Inguqulelo ka Visiting Teaching Message, August 2012. Xhosa. 10368 774
Yintoni Endinokukwazi Ukuyenza?
-
Ingaba Ndisebenzisa iziphiwo zam neetalente zam ukusikelela abanye?
-
Ingaba oodade Endibahoyayo bayaya zi na ukuba Ndilangazelela ukuba nceda xa benentswelo?