2012
Ubizo LukaMsindisi Lokubaluncedo Ngenkonzo
Agasti 2012


UMyalezo WesiMongameli Sokuqala SeCawa, Agasti 2012

Ubizo LukaMsindisi Lokuba Luncedo NgeNkonzo

Umfanekiso
UMongameli Thomas S. Monson.

Bonke abafunde izifundo zezibalo bayayazi ukuba yintoni inani eliyihafu elifana namanye amanani azihafu. KwabaNgcwele beNtsuku Zokugqibela, kukho uphawu olufanayo olusibophelelayo kunye thina. Olo phawu lufanayo lukuthi sonke lubizo lomntu ngamnye esizilwamkelela lona lokuzalisa imisebenzi ekumkanini likaThixo apha emhlabeni.

Ingaba unetyala na lokumbombozela xa ubizo lufika kuwe? Okanye uyalamkela ngombulelo oshushu ngalo lonke ithuba lokubaluncedo ngenkonzo kubazalwane kunye noodade bakho, usazi ukuba uBawo wethu waseZulwini uyakubasikelela abo Ababizayo Yena?

Ndiyakuthemba ukuba asiyokuphulukana nenjongo yokwenene yamathuba ethu axatyiswayo ngovuyo lokunceda. Loo njongo, iyinjongo yanaphakade yendawo esifikelela kuyo, yiyo ngqo iNkosi ethetha ngayo kwaye ifumaneka kwiPearl of Great Price (kwiLitye Elimhlophe Lexabiso: “Ngoku Bonani, lo ngumsebenzi wam kwaye nozuko lwam—ukuzisa kwenzeke ubomi banaphakade kwaye nobomibanaphakade kunye noThixo.”1

Yanga singahlala sikhumbula ukuba isigqumathelo sokubangamalungu eCaweni kaYesu Krestu yeNtsuku ZokuGqibela ayiso sigqumathelo sentuthuzelo ngaphezulu kokuba iyingubo esisambatho yomthwalo. Owethu umsebenzi ongumthwalo wethu, ngaphezulu kokuzisindisa, kukubonisa ngokukhokela indlela eya kwikumkani likaThixo.

Ngokuhamba ngolangazelelo indlelana yenkonzo eya kuThixo, asisoze sibe kwisimo som-bongo kaShakespeare i – Cardinal Wosey. Ehlutyulwe amandla wakhe emva kobomi benkonzo kwiKumkani yakhe, eziva buhlungu wakhala esithi:

Ukuba nje ngeNdandisebenzela uThixo wam ngehafu nje yenkuthalo

Ndikhonze ukumkani wam, Wayengasoze Yena kwiminyaka yam

Wandishiya ndize kwintshaba zam.2

Ezulwini kufunwa inkonzo enjani? “INkosi icela intliziyo kwaye nengqondo elangazelelayo: kwaye abalangazelelayo nabathobelayo bayakutya okulungileyo komhlaba weZayoni kule mihla yokugqibela.”3

Ndiyama kancinci xa Ndicinga ngamazwi kaMongameli Taylor (1808 – 87): “Ukuba anulandisi kakuhle ubizo lwenu, uThixo uyakuyifuna kuni impendulo ngomsebenzi ongumthwalo wenu ngabo eningabe ngenibasindisile xa beniwenzile umsebenzi wenu.”4

Njengetotshi esisibane esikhanyayo sokukhangela okulungileyo bubo ubomi bukaYesu njengokuba wayeshumayela phakathi kwabantu. “Ndiphakathi kwenu njengaye lowo ukhonzayo,”5 uYesu watsho ngoku Wayesomeleza amalungu omzimba esidalwa esasingakwazi ukuhamba, ukubona kwabo bazimfama, ukuva ezindlebeni zezithulu, kwaye nobomi emzimbeni wabafileyo.

Ngomzekeliso womSamariya olungileyo, INkosi yasifundisa ukuthanda abamelwane bethu njengokuba sizithanda.6 Ngempendulo Yakhe kumlawuli osisityebi owayesaze ngobutsha elizweni, Wasifundisa ukwahlukana nokuzicnga ngeziqu zethu kuqala kunabanye abantu.7 Ngokondla abangamawaka amahlanu, Wasifundisa ukubona iintswelo zabanye.8 Kwaye ngeNtshumayelo Yakhe eNtabeni, Wasifundisa ukukhangela nokuhlonipha ikumkani likaThixo kuqala.9

KwiLizwe Elitsha, iNkosi evukileyo yathi: “Niyazazi izinto ekufuneka nizenze ecaweni yam; ngokuba imisebenzi enindibone ndiyenza nani niyakuyenza; ngokuba oko nindibone ndikwenza nako kanye niyakukwenza.”10

Sisikelela abanye xa sisebenza sikhonza kwisithunzi sikaYesu waseNazarethe … owayezula – zula esenza okulungileyo.”11 U - Thixo asi sikelele sifumane ulonwabo olunemincili ekusebenzeleni nasekukhonzeni uBawo waseZulwini xa sibaluncedo kubantwana Bakhe abasemhlabeni.

Ukufundisa ngaloMyalezo

“[INkosi] ayisoze isivumele ukuba sihluleke ukuba siyayenza indima yethu. Uyakusandisa kakuhle ewe kanye-kanye nangaphezulu kwee talente zethu kunye noko ngokwe ndalo sisemandleni okwazi ukukwenza. … Oku kokunye kwamava amnandi anokuza emntwini” (Ezra Taft Benson, in Teaching, No Greater Call [1999], 20). Cingisisa ngokwabelana ngamava apho wena okanye omnye umntu omaziyo wakhe wava iNkosi isandisa iziphiwo zendalo yakhe kunye neetalente zakhe. Mema usapho ukuba lwabelane ngamava omelezayo abathe babanawo wabo ngenxa yokumamela nokuphendula ku “bizo lukaMsindisi lokukhonza.”