2010
Imilonji enombala oNgwevu eziMpikweni Zayo
Juni 2010


UMyalezo wesiMongameli Sokuqala, Juni 2010

Imilonji enombala oNgwevu eziMpikweni Zayo

Kufutshane neminyaka engamashumi asithandathu, ngoku ndandisebenza ndikhonza njengobishophu osemncinci, Kathleen McKee, umhlolokazi ewadini yam, wasweleka. Kwizinto zakhe kwakukho izilwanyana zasekhayeni ezintathu eziyimilonji. Emibini, yayinombala otyheli ogqibeleleyo, yayiyakunikwa iitshomi zakhe. Eyesithathu, uBillie, wayenombala otyheli omoshwe ngumbala ongwevu ezimpikweni zakhe. Udade McKee wayendibhalele isibhilivana: “Ingaba wena nosapho lwakho ningamenzela ikhaya na? Akayiyo eyona intle intaka, kodwa ingoma yakhe yeyona imnandi.”

Udade McKee wayefana nalomlonji wakhe unombala otyheli ezimpikweni zayo. Wayengasikelelwanga ngobuhle, nokumila kakuhle, okanye asikelelwe ngabantwana. Kodwa ingoma yakhe yanceda abanye ukuba bakwazi ukuthwala imithwalo yabo kwaye bakwazi ukuxhasa ngamagxa abo imisebenzi yabo.

Ilizwe ligcwele yimilonji enombala otyheli oxube nongwevu ezimpikweni zayo. Usizi kukuba embalwa exabisekileyo ifundile ukucula. Ezinye ngabantu abasebatsha abangazaziyo ukuba bangobani na, ukuba banokuba ngobani na, okanye ukuba banokuba ngobani na; yonke into abayifunayo kukuba babengumntu othile. Ezinye zihliswe yiminyaka, zithwaliswe inkathalo, okanye intandabuzo, —baphila iimpilo ezisezantsi kakhulu kwinqanaba lamandla abo okukwazi.

Ukuphila kakhulu, kufuneka sikhulise amandla okujongana nenkathazo ngobukhalipha, impoxakakalo ngokugcoba, kwaye siphumelele ngentobeko. Uyabuza, “Singaziphumeza njani na ezi njongo?” Ndiyaphendula, “Ngokuzuza indlela yokuzijonga eyinyaniso yokuba singobani na!” Singoonyana neentombi zikaThixo ophilayo, esidalwe ngokomfanekiso wakhe. Cinga ngalonto: sidalwe ngokomfanekiso kaThixo. Asinokukwazi ngenyaniso ukubamba esisiqinisekiso ngaphandle kokungabinawo amava anzulu emivakalelo yokomelela namandla.

Elizweni lethu, ukuba ngabantu abalungileyo ngamaxesha amaninzi yinto ebonakala isiza emva kobuhle okanye kokubukeka. Kodwa ukusukela kudala ingcebiso yeNkosi kumprfeti uSamuweli isatsho ithi: “INkosi ayiboni ngohlobo umntu abona ngalo; ngokuba umntu ujonga inkangeleko yangaphandle, kodwa iNkosi ijonga entliziyweni” (1 Samuweli 16:7).

Ngoku uMsindisi wayekhangela indoda yokholo, Akazange amkhangele eluhlwini lwabantu abazenza amalungisa ababesoloko befumaneka endlwini yesikhungo. Kodwa, Wambiza phakathi kwabalo bentlanzi eKhaphenahum. Ethandabuza, engayanga esikolweni, uSayimon owayengakhathali waye waba nguPetros, uMpostile wokholo. Umlonji otyheli onombala ongwevu ezimpikweni zayo wakufanelwa ukuthenjwa okupheleleyo kunye nothando oluhlalayo lweNkosi.

Ngoku Umsindisi wayekhetha umfundisa okhuthaleyo nonamandla, Akazange amfumane phakathi kwabathetheleli Bakhe kodwa phakathi kweentshaba Zakhe. USawule umtshutshisi waye waba nguPawulosi umshumayeli.

Umkhululi wayekhetha abantu abangagqibelelanga ukuba bafundise indlela eya ekugqibeleleni. Wenza njalo ngoko. Wenza njalo ngoku—ewe kanye imilonji etyheli enombala ongwevu ezimpikweni zayo. Ubiza wena kunye nam ukuba simkhonze apha ngezantsi. Ukuzibiphelela kwethu kufanele ukuba kuphelele. Kwaye kwimizamo yethu, ukuba siyakhubeka, kufanele sithandaze: “Sikhokele. oh sikhokele, Mbumbi omkhulu wabantu, ngaphaya kobumnyama ukuze sizame kwakhona.”1

Umthandazo wam kukuba siyakulandela umzekelo weNdoda yaseGalili, owayekwazi ukufunyanwa phakathi kwamahlwempu, abawele phantsi, abacinezelekileyo, kuye nabangxwelerhekileyo. Yanga ingoma eyinyaniso ingaphuma ezintliziyweni zethu xa sisenza njalo.

Izikhumbuzo

  1. “Fight Song,” Yonkers High School.

Ukufundisa ngaloMyalezo

Xa ufundisa … , kusoloko kubalulekile ukuba abafundi bajonge okanye bamamele into enye ecacileyo” (Teaching, No Greater Call [1999], 55). Ukunceda amalungu osapho ukuba awuqonde umyalezo ka Mongameli Monson, cinga ngokubacela ukuba balungiselele ukuba babelane ngabakufundileyo amveni kokufunda lo myalezo bebonke. Mema umntu ngamnye ukuba abelane ngoko akuva kungumongo obalulekileyo kwesisifundo. Gqibezela ngokwabelana ngobungqina bakho bomyalezo kaMongameli Monson.

Ukufundisa ilizwi likaThixo, njengokuba linikiwe ngabaprofeti Bakhe, bunganempembelelo enamandla ebomini babo obafundisayo.(bona Teaching, No Greater Call, 50). UMongameli Monson uthi kukho ukomelela namandla ekwazini ukuba singabantwana bakaThixo. Emva kokufunda esi sifundo, cela usapho ukuba lwabelane ngento ebancedayo ukuba bakhumbule ukuba bangobani na.