2010
Cula Eyona Ngoma Imnandi
Juni 2010


Abantwana

Cula Eyona Ngoma Imnandi

UMongameli Monson usixelele ngemilonji emithathu kaDade McKee. Emibini yayityheli kuyo yonke indawo. Yayibonakala imihle ngokugqibeleleyo! Eyesithathu yayingabonakali intle ngokugqibeleleyo ngokuba yayinamachokoza angwevu ezimpikweni zayo. Kodwa uDadeMcKee wayeyithanda ngokuba yayicula kamnandi kakhulu.

Abanye abantu baziva ingathi abakho bahle okanye krekrele njengabanye. Kodwa umntu ngamnye uxabtyisiwe yiNkosi. Singanokholo kwaye sikhaliphe kwaye sisebenzise iitalente zethu ukukhonza abanye. Ke sifana nalamilonji ityheli inombala ongwevu ezimpikweni zayo. Asigqibelelanga, kodwa sicula eyona ngoma imnandi!

Bhala phantsi indlela ezintathu ongaculela iNkosi ngazo eyona ngoma imnandi.

Ndingaculela iNkosi eyona ngoma yam imnandi ngoku: