2010
Yintoni uBuhle obuyiNyaniso?
Juni 2010


ulutsha

Yintoni uBuhle obuyiNyaniso?

UMongameli Monson uthi kulomyalezo, “Elizweni lethu, isimo sobulungisa ngamaxesha maninzi sibonakala kuyinto elandela emva kobuhle kunye nokubukeka.” Amantombazana angasokola nemifanekiso yokuba bangobani na kwaye nento abanokuba yiyo. Cinga ngezingcinga zingobuhle obuyinyaniso zikaMdala Lynn G. Robbins wabaNgamashumi aSixhenxe:

  • Intombazana enomzimba okhanyayo luvuyo kunye nokulunga ubengezela ubuhle bangaphakathi.

  • Uncumo olulungileyo lolona luhle ngenene xa lubengezela ngendlela eludalwe ngayo. Obu buhle buyinyaniso abunakuzotywa kodwa sisiphiwo soMoya.

  • Ukululama luphawu lwangaphandle kwaye nokufanele ukuba kubonakale ukubonakalisa ubuhle bangaphakathi.

  • Ukuba uyatyhafa ngenxa yenkangeleko yakho, kuyakukunceda ukuzibona ngamehlo abo bakuthandayo. Ubuhle obufihlakeleyo obubonwa ngobathandayo bungasisipili sokulungisa isiqu sakho.

  • Intlobo yendoda efunwa ukutshatwa yintombi elungileyo “ayiboni” njengokuba indoda ibona (bona 1 Samuweli 16:7). Uyakutsalwa bubuhle obuyinyaniso obubengezelayo buphuma entliziyweni enyulu nenovuyo. Lento yinyaniso ngentombazana ekhangela umfana olungileyo.

  • UBawo wethu waseZulwini ulindele bonke abantwana Bakhe ukuba bakhethe okulungileyo, eyiyo yodwa indlela eya kulonwabo lwanaphakade kunye nobuhle bangaphakathi.

  • ENkosini, alukho ukhuphiswano. All have an equal privilege to have His image engraven upon their countenances (see Alma 5:19). Abukho ubuhle obuyinyaniso ngaphaya koku.

Ukufunda wonke lo myalezo, bona Lynn G. Robbins, “True Beauty,” New Era, Nov. 2008, 30. Abafana bangafumana ingcebiso efanayo kuErrol S. Phippen, “Ugly Duckling or Majestic Swan? Kuxhomekeke Kuwe” Liahona, Oct. 2009, 36.