2010
ILinge Lam LoKholo
Epreli 2010


ulutsha

ILinge Lam LoKholo

Ngoku ndandineminyaka elishumi elinesithatu, Ndaqala ndafunda iNcwadi kaMormon rhoqo ngemini, kwaye ndisikelelekile mini nganye ukusukela laa mini.

Iklasi yethu yaseSikolweni sangeCawa yabantwana abaneminyaka elishumi elinesithathu yayingaziwa ngokuhlonela kwayo. Kodwa, sasinotitshala omangalisayo owayezama kangangoko anako ukusifundisa isifundo ngasinye ngoMoya oyiNgcwele. Enye yesifundo esinjalo sasingokufunda izibhalo ezingcwele.

Ekugqibeleni kwesifundo ngasinye wayesinika umsebenzi emasiwenze. Sasenzelwe thina sonke, kodwa ngenxa yesizathu esithile wajonga kum ngqo wathi, “Ndiyakulinga ukuba ufunde iNcwadi ka Mormon rhoqo ngemini!” Ndazicingela ndodwa, “Ndizakukubonisa. Ndizakuyenza lonto!”

Ndaqala ku 1 Nefayi isahluko sokuqala ngobobusuku baloo mini kwaye ndaqhubekeka rhoqo ngemini. Kwakunokwenzeka ukuba ndandingekho semoyeni ofanekileyo ngoku ndandiqala, kodwa ekuhambeni kwexesha Ndanyithanda indlela endasenziwa yiNcwadi kaMormon ukuba ndizive ngayo. Ukufunda ngobusuku nganye yaba sisiqhelo esimnandi.

Ekugqitheni keenyanga Nafika ku Alma 32 kwaye ndalithanda ela linge lamava okholo. Esikolweni sasi sandul’ukufundiswa ngendlela yokuqhuba amalinge enzululwazi, ke ngoku Naguqa ngamadolo kwaye ndaxelela uBawo waseZulwini ukuba Ndandiqalisa elo linge. Ndabuza ukuze Ndiyazi ukuba ingaba incwadi kaMormon yinyaniso na.

Ngokuzicingela nokuziva kwam, Ndiyayazi ukuba UBawo waseZulwini wayiphendula imithandazo yam ngamaxesha amaninzi. Ukufunda suku rhoqo iNcwadi ka Mormon kundinike amandla amaninzi okuba ndoyise okungalunganga. Ndaziva ndikufutshane noBawo wam waseZulwini. Ndaziva ndomeleziwe ngamandla oMoya oyiNgcwele ukuba ndoyise iingxaki. Into eyathethwa nguAlma ngokulinga ngelizwi likaThixo yinyaniso: “Iqala yandisa umphefumlo wam; ewe, iqala ikhanyisa ukuqonda kwam, ewe, iqala iba mnandi kum” (Alma 32:28).