Uncedo lweZifundo
GJS, IsiTyhilelo 1


GJS, IsiTyhilelo 1:1–8. Thelekisa nesiTyhilelo 1:1–8

UYohane uMpostile ufumana iziprofetho kwincwadi yeZityhilelo. Utyelelwa nguYesu Krestu nengelosi.

1 IsiTyhilelo sikaYohane, isicaka sikaThixo, esasinikwe yena nguYesu Krestu, abonise izinto kwizicaka zakhe ezimele ukwenzeka kufutshane nje, awasithumela waza wazazisa ngesithunywa sakhe kwisicaka sakhe uYohane,

2 Owanika ubungqina ngelizwi likaThixo, nangobungqina bukaYesu Krestu, nobezinto zonke awazibonayo.

3 Banoyolo abo bawalesayo, kwanabo bawevayo nabawaqondayo amazwi esi siprofeto, baze bazigcine ezo zinto ezibhaliweyo kuso, kuba ixesha lokufika kweNkosi likufuphi.

4 Ngoku obu bubungqina bukaYohane kuzo izicaka ezisixhenxe eziphezu kwamabandla asixhenxe eAsiya. Makubekho ubabalo kuni, noxolo oluvela kulowo ukhoyo, nowayekho, nozayo; nothumele ngaphambili isithunywa sakhe sivela phambi kwetrone yakhe, singqine kubo abo bazizicaka ezisixhenxe eziphezu kwamabandla asixhenxe.

5 Ke ngoko, Mna, Yohane ingqina elithembekileyo, ndinika ubungqina bezinto ezaziswa kum yingelosi, zaye zivela kuYesu Krestu owamazibulo kwabafileyo, neNkosana yookumkani bomhlaba.

6 Kwaye kuye owasithandayo, makubekho uzuko; owasihlamba ezonweni zethu egazini elilelakhe, kwaye wathi wasenza ookumkani nababingeleli kuThixo, uYise. Kuye makubekho uzuko nobukhosi ngonaphakade nangonaphakade. Amen

7 Kuba qaphelani, uza esemafini namawaka angamashumi eengcwele zakhe ebukumkanini, enxityiswe ngozuko lukaYise. Kwaye onke amehlo aya kumbona; kwaye abo bamhlabayo, nazo zonke izalamane zomhlaba ziya kwenza isijwili ngenxa yakhe. Nkqu kunjalo. Amen.

8 Kuba uthi, Ndingu Alfa no-Omega, isiqalo nesiphelo, iNkosi, engu, neyayingu, neseza kuza, uSomandla.