Uncedo lweZifundo
GJS, IsiTyhilelo 12


GJS, IsiTyhilelo 12:1–17. Thelekisa nesiTyhilelo 12:1–17

UYohane uchaza imizekeliso yomfazi, umntwana, intonga yesinyithi, inamba, noMikayeli. Imfazwe eyaqala ezulwini iqhubekeka emhlabeni. Qaphela utshintsho lolandelelwano lweevesi kuGJS.

1 Kwabonakala umqondiso omkhulu emazulwini, unomfuziselo wezinto ezisemhlabeni; umfazi ethiwe wambu ngelanga, nenyanga ingaphantsi kweenyawo zakhe, naphezu kwentloko yakhe isisithsaba seenkwenkwezi ezilishumi elinesibini.

2 Uthi emithi umfazi, akhale, enenimba ethuthunjelwa ekubeni azale.

3 Kwaye wazala umntwana oyinkwenkwe, owayeza kulawula zonke izizwe ngentonga yesinyithi; kwaye umntwana wakhe waxwilelwa kuThixo netrone yakhe.

4 Kwaye kwabonakala omnye umqondiso emazulwini; kwaye qaphela, inamba enkulu ebomvu, ineentloko ezisixhenxe nempondo ezilishumi, kwiintloko zayo izizithsaba ezisixhenxe. Kwaye umsila wayo warhola isahlulo sesithathu seenkwenkwezi zezulu, kwaye waziphosa emhlabeni. Yathi inamba yema phambi komfazi owayeza kuzala, ilungele ukumdla imgqibe umntwana wakhe emva kokuba ezelwe.

5 Wathi umfazi wasabela entlango, apho ikhona indawo ayilungiselelwe nguThixo, ukuze bamondle khona apho iminyaka eliwaka elinamakhulu mabini anamanci mathandathu.

6 Kwaza kwabakho imfazwe emazulwini; uMikayeli nezithunywa zakhe balwa nenamba; ke inamba nezithunywa zayo zalwa ngokuchasene noMikayeli;

7 Yaza inamba ayoyisa ngokuchasene noMikayeli, namntwana, kwanamfazi owayelibandla likaThixo, owayekhululwe ezintlungwini zakhe, waza wazisa ngaphambili ubukumkani bukaThixo wethu noKrestu wakhe.

8 Ayaba safunyanwa apho indawo yenamba enkulu emazulwini, eyaphoselwa ngaphandle; loo nyoka yakudala kuthiwa ngumtyholi, kwaye kanjalo kwathiwa nguSathana, lowo ulilahlekisayo elimiweyo liphela; waphoselwa ngaphandle emhlabeni; nezithunywa zakhe zaphoselwa ngaphandle naye.

9 Ndaza ndeva izwi elikhulu emazulwini lisithi, Ngoku lufikile usindiso, namandla, nobukumkani bukaThixo wethu, namandla kaKrestu wakhe;

10 Kuba umtyholi wabazalwana uphoselwe phantsi, obatyhola phambi koThixo wethu imini nobusuku.

11 Kuba bamoyisile bona ngegazi leMvana, nangelizwi lobungqina babo; ababuthandanga ubomi obubobabo, kodwa bagcina ubungqina kwada kwasekufeni. Ke ngoko, yibani nemihlali Owu mazulu, nani ninomnquba kuwo.

12 Ndaza emva kwezi zinto ndeva elinye ilizwi lisithi, Yeha kubemi bomhlaba, ewe, nakubo abo bahleli phezu kweziqithi zolwandle! kuba umtyholi uhlile weza kuni, enengqumbo enkulu, ngenxa yokuba esazi ukuba ixesha analo lincinane.

13 Kuba xa inamba yabona ukuba iphoswe emhlabeni, yamtshutshisa umfazi ozele umntwana oyinkwenkwe.

14 Ke ngoko, umfazi wanikwa amaphiko amabini okhozi olukhulu, ukuze abe nokuphaphazela aye entlango, endaweni yakhe, apho ondliwa khona ixesha, namaxesha, nesiqingatha sexesha, kude nobuso benyoka.

15 Yaza inyoka yakhupha emva komfazi ngomlomo wayo amanzi anjengomlambo, ukuze imkhukhulise nomlambo.

16 Waza ke umhlaba wamnceda umfazi, wathi umhlaba wawuvula umlomo wawo, waza wawuginya umlambo eya wukhuphayo inamba ngomlomo wayo.

17 Ke ngoko, yamqumbela umfazi inamba, yemka yaya kulwa nabaseleyo bembewu yakhe, leyo igcina imiyalelo kaThixo, ize ibe nobungqina ngoYesu Krestu.