Uncedo lweZifundo
GJS, UIsaya 42


GJS, UIsaya 42:19–23. Thelekisa noIsaya 42:19–22

INkosi ithumela abakhonzi Bayo bafundise abo bathe bakhetha ukungaboni okanye ukungeva inyaniso; abo bevayo baze bathobele baya kwenziwa bagqibelele.

19 Kuba iya kuthumela abakhonzi bayo kwabo baziimfama; ewe, umthunywa avule amehlo eemfama, aze avule iindlebe zezithulu;

20 Kwaye baya kwenziwa bagqibelele nangona benobumfama babo, ukuba baya kuphulaphula umthunywa, umkhonzi weNkosi.

21 Ningabantu, ababona izinto ezininzi, kodwa nina aniqwalaseli; nivule iindlebe niphulaphule, kodwa aniphulaphuli.

22 INkosi ayikholisekanga ngabantu aba nje, kodwa ngenxa yobulungisa bayo iya kuwukhulisa umthetho ize iwenze ubenobungangamsha.

23 Ningabantu abaphangiweyo nabahluthiweyo, ziintshaba zenu, bebonke, banibophelele emingxunyeni, kwaye banifihle ezindlwini ezizintolongo; banithathele ukuba lixhoba, kwaye akwabakho mhlanguli; nibe ngabahluthiweyo, kwaye akwabakho uthi, Buyisa.