Uncedo lweZifundo
GJS, Isaya 29


GJS, UIsaya 29:1–8. Thelekisa noIsaya 29:1–8

Imiyalezo eyashunyayelwa ngaphambili eYerusalem ngabaprofeti bamandulo iya kushunyayelwa ngemihla yokugqibela isuka kwiNcwadi kaMormoni, eyeza ngaphambili “iphuma emhlabeni.”

1 Yeha kuAriyeli, kuAriyeli, isixeko apho uDavide wahlala khona! yongezelelani unyaka enyakeni; bavumeleni baxhelele amadini.

2 Kanti ke ndiya kuyixhwala iAriyeli, kwaye kuya kubakho ubunzima nosizi; kuba yathi yatsho njalo iNkosi kum, Kuya kuba njalo kuAriyeli;

3 Okokuba mna iNkosi ndiya kuhlala ententeni ngokuchasene nokumngqingileyo kwakhe, kwaye ndiya kungqinga ngentaba ngokuchasene naye, kwaye ndiya kuphakamisa iinqaba ngokuchasene naye.

4 Kwaye uya kuziswa phantsi, kwaye uya kuthetha esemhlabeni, kwaye intetho yakhe iya kuba phantsi iphuma eluthulini; nelizwi lakhe liya kuba njengelalowo unomoya oqhelekileyo, liphuma emhlabeni, kwaye intetho yakhe iya kusebeza iphuma eluthulini.

5 Ngaphezu koko isihlwele sabantu basemzini sakhe siya kuba njengothuli oluncinane, nesihlwele sabo boyikekayo siya kuba njengomququ ophephethekayo; ewe, kuya kuba ngephanyazo nangesiquphe.

6 Kuba baya kundwendwelwa yiNkosi yemikhosi ngendudumo, nangenyikima, nesandi esikhulu, nesiqhwithi nesivuthuvuthu, nedangatye lomlilo olenyayo.

7 Kwaye isihlwele sazo zonke izizwe esilwa ngokuchasene noAriyeli, nkqu bonke abalwa ngokuchasene naye nezixhobo zemfazwe zakhe noko kuxhwalekisa yena, kuya kuba njengephupha lombono wasebusuku.

8 Ewe, kuya kuba kubo nkqu njengakwindoda ephuphayo, kwaye qaphela, iyadla, kodwa ivuka ube umphefumlo wayo ulambatha; okanye unjengendoda enxaniweyo ephuphayo, kwaye qaphela, iyasela, kodwa iyavuka, kwaye qaphela, ityhafile, nomphefumlo wayo unqwenela ukutya. Ewe nkqu kunjalo isihlwele sazo zonke izizwe siya kuba nguloo mlo ochasene nentaba yeZiyon.