Uncedo lweZifundo
GJS, IGenesis 14


GJS, IGenesis 14:25–40. Thelekisa neGenesis 14:18–20

UMelkitsedeke usikelela uAbram. Ubufundisi obukhulu bukaMelkitsedeke namandla neentsikelelo zoBubingeleli bukaMelkitsedeke ziyachazwa.

25 Kwaye ke uMelkitsedeke waliphakamisa ilizwi lakhe waza wasikelela uAbram.

26 Ngoku ke uMelkitsedeke wayeyindoda yokholo, eyasebenza ubulungisa; naxa wayengumntwana wayemoyika uThixo, kwaye wavingca imilomo yeengonyama, kwaye wacima amandla omlilo.

27 Kwaye njalo, evunyelwe nguThixo, wamiselwa wangumbingeleli omkhulu ngokohlobo lomnqophiso uThixo awenza kunye noEnoki,

28 Bungokohlobo loNyana kaThixo; hlobo olo lweza, kungengamntu, nakuthanda kwamntu; kungengaye uyise okanye unina; kungengaso isiqalo semihla okanye isiphelo seminyaka; kodwa olukaThixo;

29 Kwaye bakhululelwa ebantwini ngokubiza kwelizwi elilelakhe, ngokwentando eyiyeyakhe, kwabaninzi njengoko bakholwayo egameni lakhe.

30 Kuba uThixo efungile kuEnoki nakuyo imbewu yakhe ngesifungo awasifunga ngaye; okokuba wonke ubani omiselwe emva kolu hlobo nobizo luya kuba namandla, ngokholo, luqhekeze iintaba, lwahlule iilwandle, lomise amanzi, luwajike endleleni yawo;

31 Lumelane ngokuphumeleleyo nemikhosi yezizwe, lwahlule umhlaba, luqhawule yonke imbophelelo, lume ebusweni bukaThixo; lwenze zonke izinto ngokwentando yakhe, ngokomyalelo wakhe, loyise izilawuli neziphathamandla; oku ngentando yoNyana kaThixo eyayikho ukususela phambi kwesiseko sehlabathi.

32 Kwaye abantu benolu kholo, luvela phezulu kolu hlobo lukaThixo, bafuduswa baza baxwilelwa ezulwini.

33 Kwaye ngoku, uMelkitsedeke wayengumbingeleli wolu hlobo; ke ngoko wazuza uxolo eSalem kwaye kwathiwa uyiNkosana yoxolo.

34 Kwaye abantu bakhe basebenza ubulungisa, baza bazuza izulu, kwaye bafuna isixeko sikaEnoki uThixo awasithathayo ngaphambili, esahlula emhlabeni, esilondolozele emihleni yokugqibela, okanye isiphelo sehlabathi;

35 Kwaye wathi, waza wafunga ngesifungo, okokuba amazulu nomhlaba aya kuhlangana; kwaye oonyana bakaThixo baya kulingwa kodwa ke bange bacande emlilweni.

36 Kwaye lo Melkitsedeke, njalo emise ubulungisa, wayebizwa ngabantu bakhe ngokuba ngukumkani wezulu, okanye, ngamanye amazwi, nguKumkani woxolo.

37 Kwaye waliphakamisa ilizwi lakhe, waza wasikelela uAbram, kuba wayengumbingeleli omkhulu, nomgcini kavimba kaThixo;

38 Enguye owayonyulwe nguThixo amkelele amahlwempu izishumi.

39 Ngako oko, uAbram wahlawula kuye izishumi zako konke awayenako, nezobutyebi bonke awayenabo, uThixo awathi wamnika ngaphezu kunoko awayekuswele.

40 Kwaye kwenzekile, okokuba uThixo wamsikelela uAbram, waza wamnika ubutyebi, nembeko, nemihlaba yebango elingenasiphelo; ngokunxulumene nomqophiso awayewenzile, nangokunxulumene nentsikelelo uMelkitsedeke awayemsikelele ngayo.