Liyahona
Yintoni Umthandazo?
Tshazimpunzi 2024


Yintoni uMthandazo? Umhlobo, Tshazimpunzi 2024, 46–47.

UMyalezo weNyanga Umhlobo, Tshazimpunzi 2024

Yintoni Umthandazo?

Umfanekiso
Intombazana ithandaza ecaleni kwebhedi

Imizobo ngu-Apryl Stott

Umthandazo yindlela esithetha ngayo noBawo waseZulwini.

Umfanekiso
Inkwenkwana ithandaza kwibala lokudlala

Singathandaza nanini na, naphi na. Ubawo waseZulwini uyakusoloko esiva.

Umfanekiso
Inkwenkwana ithandaza ePrayimari

Sisebenzisa amazwi abonisa uthando nentlonipho xa sithandaza.

Umfanekiso
Inkwenkwana ithandaza nosapho

Sibulela ubawo waseZulwini ngeentsikelelo zethu. Size sicele uncedo kuYe.

Umfanekiso
Intombazana ithandazela ebhedini

Ndiyaluva uthando lukaBawo waseZulwini ngalo lonke ixesha ndithandaza.

Iphepha lokufakela Imibala

Mna ndingathandaza kuBawo waseZulwini

Umfanekiso
Alt tex here

Umfanekiso ngu-Adam Koford

Yintoni othandazela yona?