2023
UMoya Oyingcwele Unako ukuSinceda
EyeSilimela 2023


“UMoya Oyingcwele Unako ukuSinceda,” Liyahona, EyeSilimela 2023.

UMyalezo weLiyahona weNyanga, EyeSilimela 2023

UMoya Oyingcwele Unako ukuSinceda

Umfanekiso
indoda ihleli ibukele ukuphuma kwelanga

UMoya oyiNgcwele lilungu lesithathu lobuThixo. Izibhalo zikwabhekisa kuYe njengoMoya, uMoya oyiNgcwele, okanye uMthuthuzeli. Njengokuba sifunda ukumamela ilizwi laKhe, Yena uya kungqina kuthi ngoYesu Krestu kwaye asincede sifunde iinyaniso zevangeli.

Ilungu lobuThixo

UBawo waseZulwini, uYesu Krestu, kunye noMoya oyiNgcwele bubuThixo. Bayasithanda kwaye basebenza ngokumanyeneyo ukuphumeza icebo losindiso. Nangona uBawo waseZulwini noYesu Krestu benemizimba yenyama namathambo, uMoya oyiNgcwele awunawo. Yena ungumoya.

Umfanekiso
umfanekiso owenziwe ngeglasi kaYise noNyana

Ingqina likaBawo noNyana.

UMoya oyiNgcwele “[u]ngqina ngaye uBawo kwakunye noNyana” (2 Nifayi 31:18). Oku kuthetha ukuba singafumana ubungqina bukaBawo oseZulwini noYesu Krestu ngoMoya oyiNgcwele.

Ungqina ngeNyaniso

UMoya oyiNgcwele ungqina ngayo yonke inyaniso. Yena uyakusinceda sazi ukuba ivangeli—kubandakanya icebo losindiso, imiyalelo kaThixo, uBuyiselo, neNtlawulo kaYesu Krestu—zinyani. Yena uyakomeleza ubungqina bethu njengoko siqhubeka nokuthandaza, sigcina imiyalelo, kwaye sifunda ivangeli.

Umfanekiso
isandla esibambe ikhampasi

Ukhokela kwaye uyasikhusela

UMoya oyiNgcwele unokusikhokela kwizigqibo zethu kwaye usikhusele kubungozi bokwenyama nobomoya. Yena uyakusincedisa sifumane iimpendulo kwimibuzo esinayo ukuba sithandaza size sizame ukwenza okulungileyo. Yena uyakusoloko esikhokelela “ekwenzeni ukulunga” (IMfundiso neMinqophiso 11:12).

Uyasithuthuzela Thina

UMoya oyiNgcwele ngamanye amaxesha ubizwa ngokuba “nguMthuthuzeli” (Yohane 14:26). Yena unako ukusigcwalisa “ngethemba nothando olugqibeleleyo” (Moronayi 8:26) xa sikhathazekile, silusizi, okanye sisoyika. Njengoko Yena esinceda ukuba siluve uthando lukaThixo, singoyisa ukudimazeka kwaye somelezwe kwiimvavanyo zethu.

ISipho soMoya oyiNgcwele

Emva kokuba sibhaptiziwe, sifumana isipho soMoya oyiNgcwele kummiselo obizwa ngokuba luqinisekiso. Sakuba sisifumene esi sipho, singakwazi ukuba nobuqabane obuthe gqolo boMoya oyiNgcwele ukuba nje siphila ngobulungisa.

Umfanekiso
owasetyhini efunda izibhalo

Umboniso nguJ. Kirk Richards

Indlela Esimva ngayo uMoya oyiNgcwele

UMoya Oyingcwele unxibelelana nabantu ngeendlela ezahlukeneyo. Ezi zinokuquka uxolo, iimvakalelo ezithuthuzelayo okanye ukuqonda malunga nento emayiyithethwe okanye yenziwe. Njengokuba sithandazela inkokhelo kwaye simamela iinkcukumiso zaKhe, singafunda indlela Yena athetha ngayo nathi.