2021
UBawo Wethu OseZulwini Ufuna Ukuba Sonwabe
EyeKhala 2021


“UBawo Wethu oseZulwini Ufuna Ukuba Sonwabe,” Liyahona, EyeKhala 2021

UMyalezo Wangenyanga Liyahona, EyeKhala 2021

UBawo Wethu OseZulwini Ufuna Ukuba Sonwabe

Njengoko sikhumbula icebo likaThixo lolonwabo, singafumana uvuyo naxa ubomi bunzima.

Umfanekiso
UYesu kunye nabantwana

Phambi kokuba sizalwe emhlabeni, sonke sasihlala noBawo oseZulwini njengabantwana baKhe bomoya. Wazisa icebo lokunceda abantwana baKhe bafunde kwaye bakhule. Ngecebo laKhe, singafana naYe ngakumbi kwaye sikulungele ukonwabela ubomi obungunaphakade. Eli cebo lenzeka kuba uNyana kaThixo, uYesu Krestu, weza emhlabeni ezokuva ubunzima ngenxa yezono zethu, idini elibizwa ngokuba yiNtlawulelo.

Icebo likaBawo oseZulwini libizwa ngokuba licebo

Njengoko ezi kunye nezinye izibhalo zibonisa, uBawo oseZulwini ufuna ukuba sifane naYe, sibuyele kuYe, kwaye sonwabe ngenene (bona Moses 1:39).

Siza eMhlabeni ukuze Sifunde kwaye Sikhule

UThixo usithumele emhlabeni, apho sinokuba nomzimba wenyama (bona Genesis 1:26–27). Sasidinga imizimba ukusinceda ngamava obomi emhlabeni.

UThixo wayesazi ukuba asizukuziva sonwabile ngalo lonke ixesha. Sifumana amava okuphoxeka, weentlungu, kunye kwanokufa. Kodwa ngemiceli mngeni yobomi, uBawo oseZulwini usinceda sifunde kwaye sikhule.

Kwaye uThixo wasinika igunya lokuzikhethela, ukukwazi ukukhetha phakathi kokulunga kunye nobubi. Uyasivumela ukuba sizikhethele esikucingayo nesikwenzayo. Usinike izibhalo ezingcwele kunye nabaprofeti abaphilayo ukusinceda ukuba sifunde ukukhetha okulungileyo (bona Abraham 3:25).

Umfanekiso
umthi wobomi

Zama Ukuba njengoYesu Krestu

UThixo akazange asithumele emhlabeni ngaphandle komzekelo wokulandela (bona Yohane 13:15). Wathumela uNyana waKhe, uYesu Krestu, ukuze asibonise indlela . Ukufunda ukuba simlandele njani, singafunda izibhalo ezingcwele ukuba sifunde ukuba ungubani na Yena kwaye nokuba Yena wenza ntoni ngexesha lobomi baKhe emhlabeni. Sinokwenza konke okusemandleni ethu ukuba njengoKrestu ngokuthobela uThixo nangokubathanda abanye.

Xa sisenza iimpazamo, sicela ukuxolelwa kwaye sisebenzise amandla eNtlawulelo kaYesu Krestu ukusinceda sitshintshe. Singonwaba njengoko sizama usuku ngalunye ukuba sifane naYe.

Ukufa Akusosiphelo

Xa sisifa, imimoya yethu iya elizweni lomoya. Apho siyaqhubeka nokufunda njengoko silungiselela Uvuko lwabafileyo.

Ngexesha loVuko lwabafileyo, imizimba yethu kunye nemimoya iya kuhlangana kwakhona. Imizimba yethu iya kugqibelela, kwaye asisayi kuphinda sife okanye sigule (bona Alma 11:44–45). Njengoko uYesu Krestu waye wafa wabuya wavuka, nathi siya kuphila kwakhona.

Xa uThixo esigweba, Yena uya kujonga izenzo zethu kunye neminqweno yethu. Ukuba sizamile ukugcina imiyalelo kunye nezithembiso esizenzileyo kuBawo oseZulwini, emva koko singaphinda siphile naYe kwakhona.

Ubomi noThixo kunye Neentsapho Zethu eZulwini

Ebukumkanini beselestiyali, siya kuphila noThixo kunye noYesu Krestu. Siya kuba nakho nokuphila apho kunye neentsapho zethu ngonaphakade ukuba sitywinwe kubo. Siya kufumana uxolo, nolonwabo kunye nokuphumla (bona Mozaya 2:41).

Ubomi bethu emhlabeni busenokuba nzima ngamanye amaxesha, kodwa ukuba siyamlandela uYesu Krestu, singafumana uvuyo kobu bomi kunye nolonwabo lwanaphakade kubomi obuzayo.

Ingaba Zithini IziBhalo Ezingcwele malunga neCebo Lolonwabo?

Indlela esiphila ngayo ubomi bethu ibalulekile. UThixo uya kugweba asivuze ngokweengcinga nezenzo zethu (bona Alma 41:3).

USathana ulutshaba kulonwabo lwethu. Usihendela ekusebenziseni kakubi ubomi bethu emhlabeni kunye nokwenza isono. Ufuna ukuba sibe lusizi njengaye (bona 2 Nefayi 2:27).

Xa sinokholo kwicebo likaThixo ngathi, singaba noxolo nokuba sijongana naziphi na izilingo. Sinokukhangela phambili ekuphileni ngonaphakade noThixo (bona IMfundiso neMinqophiso 59:23).

Yonke imisebenzi yobugcisa yenziwe nguJ. Kirk Richards