2021
Yenza Into Elungileyo
EyeKhala 2021


“Yenza Into Ebhaliweyo,” Kwenzelwe Ukomelezwa KoLutsha, EyeKhala 2021, 18–19.

UMyalezo Wangenyanga Kwenzelwe Ukomelezwa KoLutsha, EyeKhala 2021

Yenza Into Elungileyo

Ukubhala iingcinga zakho xa ufunda izibhalo kunokukunceda ufunde.

“Qho xa ndiqala ukufunda izibhalo, ndiye ndibiwe bubuthongo!” omnye umthunywa wevangeli waxelela umongameli wakhe wobufundisi bevangeli. “Ingathi izibhalo ziyipilisi yokulala!”

Umongameli wakhe uphendule wathi, “Ukhe ubhale amanqaku xa ufunda?”

“Hayi,” watsho lo mthunywa wevangeli.

“Kulula ukulala okanye uvumele ingqondo yakho ishenxe xa ufunda kuphela,” kutsho umongameli, “kodwa akunakwenzeka xa usongeza ukubhala!”

Ingcebiso lo mongameli wobufundisi bevangeli awayinika umthunywa wevangeli wakhe owayesokola yenza umahluko omkhulu. Ke ukuba ukhangela indlela entsha yokomeleza isifundo sakho sezibhalo, yizame. Njengoko ubhala ngale nto uyifundayo, uya kuzifumana ubandakanyeka ngakumbi kwaye ufunda ngcono, nawe.

Nazi ezinye iindlela esizifumene ziluncedo ngokwenene.

Umzalwana uSteven Lund:

Umfanekiso
USteven Lund

Ndigcina iphepha kufutshane xa ndifunda. Njengokuba uMoya undichukumisa ngexesha lokufunda kwam, ndibhala loo nkcukumiso phantsi.

Ndafumana olu luvo kuMdala Richard G. Scott (1928–2015) weQumrhu laBapostile abaLishumi elineSibini, owathi: “Bhala phantsi kwindawo ekhuselekileyo izinto ezibalulekileyo ozifunda kuMoya. Uya kufumanisa ukuba njengoko ubhala izinto ozixabisileyo, okuninzi ngakumbi kuya kuhlala kusiza. Kwaye, ulwazi olufumanayo luya kufumaneka kubo bonke ubomi bakho” (“To Acquire Knowledge and the Strength to Use It Wisely,” Ensign, eyeSilimela 2002, 32).

Ndiyazi ukuba loo mazwi ayinyani. Xa ndilungiselela iintetho kunye nezifundo, andiyi kwizibhalo kuphela kodwa nakwizinto endizibhalileyo ngelixa bendizifunda.

Umzalwana Ahmad Corbitt:

Umfanekiso
U–Ahmad Corbitt

Ndiyakuthanda ukufunda ngokwezihloko. Ndifunda izibhalo ukusuka ekuqaleni ukuya esiphelweni, kodwa kananjalo ndiyakuthanda ukujikeleza nditsiba kwaye ndifunda izihloko. Umzekelo, ndiza kusebenzisa Isikhokhelo kwiZibhalo ukufumana izibhalo ngokholo okanye ukuhlanganiswa kukaSirayeli. Emva koko andithathi nje amanqaku, kodwa ndibhala phantsi oko ndikufundayo ukuqinisekisa ukuba ndiyayiqonda nyani. Ndihlala ndimangalisiwe yindlela endiziqonda ngcono ngayo izinto xa ndisenza oku. Ndikhetha kananjalo ezinye izibhalo ukuba ndizinkqaye.

Umzalwana uBradley Wilcox:

Umfanekiso
UBradley Wilcox

Ndigcina ijenali yokufunda apho ndibhala khona izibhalo ngamazwi am. Umzekelo, “Kuba umntu wemvelo ulutshaba kuThixo” (Mozaya 3:19) iba “Kuba umntu onekratshi kwaye nongaguqukiyo ukhetha ukuba lutshaba kuThixo, kodwa uThixo akalotshaba lwakhe. UThixo ungumhlobo wakhe osenyongweni.”

Ndibhala kananjalo nemibuzo. Isenokuba yimibuzo endicinga ngayo ngaphambi kokuba ndifunde, okanye isenokuba yimibuzo ebangelwa yinto endiyifundayo. Nokuba yeyiphi na indlela, indigcina ndigxilile.

Amandla Okubhala Iingcinga Zakho

Umntu ngamnye kubongameli bethu ufunda izibhalo ngokwahlukileyo, kodwa sonke siyabhala njengoko sisenza oko!

Ukufunda kusinceda ukuba sigcine ngaphakathi iingcinga kunye neemvakalelo . Oko kubalulekile. Kwaye xa sithetha okanye sibhala, sifumanisa kwaye sivakalise iingcinga kunye neemvakalelo ezivela nangaphakathi zisiya ngaphandle. Siva oko kusinceda ukuba senze iinyaniso zevangeli ezethu kangcono.

Omnye umfana omncinane wazifumanela le nyaniso xa wayecelwe ukuba anike intetho kwintlanganiso yomthendeleko. Wayevile nabanye abantu abaninzi benikela iintetho kodwa engazikhumbuli iinkcukacha. Eli xesha lalihlukile. Xa wayebhala isishwankathelo sentetho yakhe, ayizange imncede nje kuphela ukuba anikele intetho ehleliweyo, kodwa wayikhumbula ixesha elide.

Into efanayo inokwenzeka kwisifundo sakho sezibhalo. Ukuba uyalala xa uvula izibhalo zakho, lixesha lokuba uvuke. Zama ukukhupha ipensile, usiba, umnxeba, okanye ikhompyutha kwaye uqale ubhale. Uya kumangaliswa ngumahluko enokuwenza!