2018
Isipho Senguquko
eyoMqungu 2018


Umyalezo woBongameli BokuQala, EyoMqungu 2018

Isipho Senguquko

“Uxanduva lwethu kukuvuka kwisiqhelo siye kulwazi lokuphumelela, kwiyantluleko siye kwingqibelelo,” uMongameli Thomas S. Monson uye wafundisa. “Umsebenzi wethu kukuba ngoondoqo bethu. Esinye sezipho zikaThixo kuthi luvuyo lokuzama kwakhona, kuba akunayantluleko ekufuneka ibeyokugqibela.”1

Sihlala sixhulumanisa isiganeko sonyaka omtsha nezigqibo zokwenza okutsha kunye neenjongo. Sigqiba kwelokuba siphucuke, siguquke, sizame kwakhona. Mhlawumbi eyona ndlela ibaluleke kakhulu esingazama kwakhona ngayo kukwamkela into uMongameli Monson athe wayibiza “isipho senguquko.”2

Kwezi zicatshulwa zilandelayo eziphuma kwiimfundiso zakhe ukusukela ekubeni wabanguMongameli weBandla, uMongameli Monson usicebisa ukuba “sisebenzise igazi lentlawulelo likaKrestu khon’ ukuze sifumane uxolelo lwezono zethu, kwaye neentliziyo zethu zicocwe.”3

Ummangaliso Woxolelo

“Sonke sikhe senza ukhetho olugwenxa. Ukuba asikalulungisi olokhetho, ndiyakuqinisekisa ukuba ikhona indlela yokwenza njalo. Inkqubo ibizwa inguquko. Ndiyabongoza nani ukuba nilungise iimpazamo zenu. UMsindisi wethu wafela ukuba aphe wena nam eso sipho sisikelelekileyo. Nangona indlela ingekho lula, isithembiso sinyanisekile: ‘nokuba izono zenu zide zavela zanjengengubo ebomvu, zoba mhlophe njengekhephu’ [Izaya 1:18]. ‘Kwaye Mna, Nkosi, andisayikuzikhumbula’ [D&C 58:42]. Musa ukubeka ubomi bakho banaphakade esichengeni. Ukuba wonile, njengoko uqalisa kwamsinya ukwenza indlela yakho ebuyelayo, uyakufumana uxolo olumyoli kamsinya kunye novuyo oluza nommangaliso woxolelo.”4

Buyela Endleleni

“Nangona kunyanzelekile ukuba sikhethe ngobulumko, kunamaxesha esiya kwenza ukhetho olubudenge ngawo. Isipho senguquko, esisiphiwe nguMsindisi wethu, sisinceda ukuba silungise izicwangciso zethu, khon’ ukuze sibe nokubuyela kwindlela eya kusikhokelela koloo zuko luphezulu lwezulu silufunayo.”5

Indlela Ebuyela Mva

“ Ukuba nabani na kuni othe waphambuka endleleni yakhe, ndiyaniqinisekisa okokuba ikhona indlela yokubuyela. Inkqubo ibizwa okokuba yinguquko. Nangona indlela inzima, intsindiso yakho yanaphakade ixhomekeke kuyo. Ingaba yintoni na enganexabiso kakhulu kwiinzame zakho? Ndiyakubongoza okokuba ugqibe khona apha ngoku ukuba uyakuthabatha amanyathelo afaneleyo wokuguquka ngokupheleleyo. Ukuba wenje njalo kamsinya, uyakukwazi ukuxhamla kamsinya kuxolo kunye nokuthula kunye nengqinisekiso ethethwe ngu-Izaya [bona Izaya 1:18].”6

Abantu Bangatshintsha

Kufuneka sikufake engqondweni okokuba abantu bangatshintsha. Bangayishiya ngasemva imikhwa emibi. Bangaguquka ezikreqweni. Bangaphatha ububingeleli ngokufanelekileyo. Kwaye bangakhonza iNkosi ngokunyanisekileyo.”7

Coceka Kwakhona

“Ukuba kungaba nento eyimposiso ebomini bakho, uvulekelwe yindlela yokuphuma. Yekela okungalunganga. Thetha nomveleli wakho. Nokuba yintoni ingxaki, ingasetyenzwa ngenguquko efanelekileyo. Ungacoceka kwakhona.”8

Indima Ebalulekileyo YoMsindisi

“Okubalukileyo kwicebo [losindiso] nguMsindisi wethu, uYesu Krestu. Ngaphandle kwesicamagushelo saKhe esihlawulelayo, konke kungalahleka. Akwanelanga, kodwa, ukukholelwa kuYe nakubulungiseleli baKhe kuphela. Thina sidinga ukusebenza kwaye sifunde, siphengulule kwaye sithandaze, siguquke kwaye siphucuke. Sidinga ukwazi imithetho kaThixo kwaye siyiphile. Sidinga ukufumana imimiselo yaKhe esindisayo. Ngokwenza njalo kuphela thina siyakuzuza ulonwabo olwenyani, lwanaphakade.”9

Izikhumbuzo

  1. “The Will Within,” Ensign, UCanzibe 1987, 68.

  2. “Choices,” Liyahona, UCanzibe 2016, 86.

  3. Mozaya 4:2.

  4. “The Three Rs of Choice,” Liyahona, EyeNkanga 2010, 69.

  5. “Choices,” 86.

  6. “Keep the Commandments,” Liyahona, EyeNkanga 2015, 85.

  7. “See Others as They May Become,” Liyahona, EyeNkanga 2012, 68.

  8. “Priesthood Power,” Liyahona, UCanzibe 2011, 67.

  9. “The Perfect Path to Happiness,” Liyahona, EyeNkanga 2016, 80–81.