2018
Inguquko Sisipho
eyoMqungu 2018


Abantwana

Inguquko Sisipho

Isipho senguquko ayisosipho ongakhona ukusibona okanye usibambe. Endaweni yoko, isisipho ongasiva. Oku kuthetha ukuba xa sisenza ukhetho olugwenxa, singaguquka kwaye siluve uxolo kunye nolonwabo kwakhona.

UBawo OseZulwini kunye noYesu bayakusoloko besinceda ukuba siguquke. Zoba umfanekiso ohambelana nanyathelo ngalinye elahlukileyo lenguquko.

Siziva buhlungu.

Siyathandaza kuBawo OseZulwini, simxelele okwenzekileyo, kwaye sicele uncedo lwaKhe ekwenzeni ukhetho olungcono kwilixa elizayo.

Siyaxolisa kwaye sizame ukwenza okungcono.

Siva uxolo kwaye sazi okokuba sixolelwe.