UMyalezo wabaNdwendweli Makhaya, eyeSilimela 2015
Iimpawu ZobuThixo ZikaYesu Krestu: Ubunyulu
Funda ngokuthandaza ezi zinto kwaye ucele ukwazi ukuba ungabelana ngantoni. Ukuqonda kabanzi iimpawu zobuThixo zoMsindisi kuza kulwandisa kanjani ukholo lwakho KuYe kwaye kuza kubasikelela kanjani abo ubagadisiweyo ngokubafundisa ngokubandwendwela? Ngenkcukacha ethe vetshe, yiya ku reliefsociety.lds.org.
“Ubunyulu mabuhombise iingcinga zakho ngokungapheziyo; emva koko ingqiniseko yakho iyakomelela kubukho bukaThixo; kwaye nemfundiso yobubingeleli iyakudidiyeleka kumphefumlo wakho okombethe ovela ezulwini” ( D&C 121:45).
Yintoni ubunyulu? UMongameli James E. Faust (1920-2007) wathi: “Ubunyulu ngokupheleleyo buquka zonke iindlela zobulungisa ezisinceda ukuba sakhe isimilo sethu.”1 UMongameli Gordon B. Hinckley (1910-2008) wongeza ngelithi: “Uthando lukaThixo luyingcambu yabo bonke ubunyulu, yobulungisa bonke, yamandla onke esimilo.”2
Kubudlelwane phakathi kwabasetyhini kunye nobunyulu, UMdala D. Todd Christofferson weQumrhu LwabaPostile Abalishumi Elinambini wathi: “Abasetyhini bazisa kwelihlabathi ubunyulu obukhethekileyo, isipho sobuThixo esibenza babenesakhono esiphezulu kakhulu sokuphembelela iimpawu ezinjengo kholo, ubukhalipha, uvelwano, kunye nokucoleka ebudlelwaneni kwakunye nakwizithethe. …
“Bodade, kuzo zonke iimbumbano zenu, bubudlelwane benu noThixo, uBawo wenu Osezulwini, ongumnombo wamandla wobunyulu, leyo kufuneka qho niyibeke phambili ebomini benu. Khumbulani ukuba amandla kaYesu eza ngokuzinikela kwaKhe ngangqondo-nye kwintando kaBawo. … Zama kakhulu ukuba lolo hlobo lomfundi kaBawo kunye noNyana, kwaye impembelelo yakho ayisokuze iphelelwe.3
IziBhalo Ezongezelelweyo
Iindumiso 24:3–5; AsebeFilipi 4:8; 2 Petros 1:3–5; Alma 31:5; Iimfundiso & Neminqophiso 38:23–24
Okuvela kwiZibhalo eziNgcwele
Namhlanje, amanina anyulu, awagcwele ukholo, ayafikelela kuMsindisi. Ku Luka 8 sifunda ngentokazi eyayinethombo legazi iminyaka elishumi linamibini eyayingenako ukuphiliswa. Yayifuna ukuphiliswa xa “yeza ngasemva kuka[Krestu], yachukumisa umqukumbelo wengubo yakhe, lee qoko kwangoko ithombo legazi layo. Uthe ke uYesu, Ukho ondichukumisileyo; kuba mna ndiyawazi amandla4 aphumileyo kum. Le ntokazi inamandla okulunga yawa phambi kwaKhe, yaxela emehlweni “abo bonke abantu” ukuba bekungasizathu sini na “ebimchukumisile” kwaye “nokuphiliswa kwayo kwangoko. Uthe ke yena kuyo, Yomelela, ntombi yam, ukholo lwakho lukuphilisile” (bona Luka 8:43–48, bona 6:17–19).
Ngamandla waKhe okulunga,5 uKrestu angaphilisa, aphe, athuthuzele, kwaye avuye xa sikhetha ngenkalipho kunye nangokholo ukufikelela kuYe.
© 2015 ngo Intellectual Reserve, Inc. Onke amalungelo agciniwe. Kushicilelwe eUSA. Isivumelwano sesiNgesi: 6/14. Isivumelwano Senguqulelo: 6/14. Inguqulelo ye Visiting Teaching Message, June 2015. Xhosa. 12586 774