Izibhalo
Alma 31


Isahluko 31

UAlma wongamela umsebenzi omiselweyo wokubanga kwakhona amaZoramayithi akreqileyo—AmaZoramayithi ayamkhanyela uKrestu, akholelwa kwingqikelelo yobuxoki yonyulo, kwaye akhonza ngemithandazo emisiweyo—Abefundisi bazaliswa ngoMoya oyiNgcwele—Iimbandezelo zabo ziginyelwe eluvuyweni lukaKrestu. Malunga 74 P.K.

1 Ngoku kwenzekile okokuba emva kwesiphelo sikaKorihor, uAlma ekubeni efumene iindaba zokokuba amaZoramayithi ayezigqwethile iindlela zeNkosi, nokokuba uZorami, owayeyinkokheli yawo, wayekhokelela iintliziyo zabantu ekubeni aziqubude bkwizithixo ezizizimumu, intliziyo yakhe kwakhona yaba cbuhlungu ngenxa yobugwenxa babantu.

2 Kuba yayingunobangela awosizi olunzulu kuAlma ukwazi ngobugwenxa phakathi kwabantu bakhe; ke ngoko intliziyo yakhe yabalusizi ngokugqithisileyo ngenxa yokwahlukana kwamaZoramayithi kumaNifayithi.

3 Ngoku amaZoramayithi ayezihlanganise kunye kulo ilizwe awayelibiza ngokuba yiAnteyonam, elaye lingasempuma yelizwe laseZarahemla, elaye lime phantse ukunxusa phezu konxweme lolwandle olwalusemazantsi elizwe laseYershan, elaye kanjalo linxuse phezu kwentlango esemazantsi, intlango leyo eyayizele ngamaLeymenayithi.

4 Ngoku amaNifayithi ayesoyika kakhulu ukuba amaZoramayithi angangena kwimbalelwano namaLeymenayithi, nokokuba kungangunobangela welahleko enkulu kwicala lamaNifayithi.

5 Kwaye ngoku, njengoko aukushunyayelwa bkwelizwi kunotyekelo olukhulu clokukhokelela abantu ekwenzeni oko kulungileyo—ewe, kwakunesiphumo esinamandla ngaphezu kweengqondo zabantu kunekrele, okanye nantoni na eyenye, eyayikhe yenzeka kubo—ke ngoko uAlma wacinga ukuba kwakuyimfuneko okokuba bamele bazame ukulunga kwelizwi likaThixo.

6 Ke ngoko wathabatha uAmon, noAron, no-Omna; kwaye uHimnayi waye wamshiya nebandla eZarahemla; kodwa isithathu esekuthethwe ngaso wasithabathela kuye, kananjalo noAmyuleki noZiyezirom, ababeseMeleki; kananjalo wathabatha ababini koonyana bakhe.

7 Ngoku oyena mdala koonyana bakhe akazange amthabathe ahambe naye, kwaye igama lakhe alalinguHilamani; kodwa amagama abo wabathabathayo kunye naye ayenguShiblani noKoreyantan; kwaye la ngamagama abo bathi bahamba kunye naye phakathi bkwamaZoramayithi, ukuba bashumayele kuwo ilizwi.

8 Ngoku amaZoramayithi aayengabakreqi asuka kumaNifayithi; ke ngoko ayesele enalo ilizwi likaThixo lishunyayelwe kuwo.

9 Kodwa aayewele kwiimpazamo eziyingozi, kuba ayengakuqwalaseli ukuyigcina imiyalelo kaThixo, nemimiselo yakhe, ngokwemithetho kaMoses.

10 Engafuni nokuzigqala izenzo zebandla, ukuqhubeka ngomthandazo nesikhungo kuThixo mihla yonke, ukuze angabi nakungena ekuhendweni.

11 Ewe, lilonke, aye azigqwetha iindlela zeNkosi amaxesha amaninzi kakhulu; ke ngoko, kungesi sizathu, uAlma nabazalwana bakhe baya ngaphakathi kwelizwe ukuya kushumayela ilizwi kuwo.

12 Ngoku, bakuba befikile elizweni, qaphelani, ekukhwankqisekeni kwabo bafumanisa okokuba amaZoramayithi akhe izindlu zesikhungo, nokokuba aye azihlanganisa kunye ngosuku olunye lweveki, umhla lowo athi alubiza ngokuba ngumhla lweNkosi; kwaye ayenqula ngokohlobo uAlma nabazalwana bakhe abangazanga balubona;

13 Kuba ayenendawo eyakhelwe phezulu kumbindi wendlu yawo yesikhungo, indawo yokuma, eyaye inyukele phezu kwentloko; kwaye umphezulu wayo wawungangena kuphela umntu omnye.

14 Ke ngoko, nabani na onqwenela aukunqula kufuneka abheke phambili aze eme ngaphezu kwayo, aze olulele izandla zakhe phezulu ngasezulwini, aze adanduluke ngelizwi elikhulu, esithi:

15 Ngcwele, ngcwele Thixo; siyakholwa okokuba unguThixo, kwaye siyakholelwa okokuba uyingcwele, nokokuba wawungumoya, nokokuba ungumoya, nokokuba uya kuba ngumoya ngonaphakade.

16 Thixo oNgcwele, siyakholwa okokuba usahlule kubazalwana bethu; kwaye asikholelwa kuzo izithethe zabazalwana bethu, ezazigqithiselwe kubo ngobuntwana booyise; kodwa sikholelwa ekubeni ausonyulele ukuba sibe bngabantwana bakho abangcwele; kananjalo usazisile okokuba akusayi kubakho Krestu.

17 Kodwa ukwanguye izolo, namhla, nangonaphakade; kwaye ausonyulele ukuba siya kusindiswa, ngeli lixa bonke abasingqongileyo bonyulelwe ukuba baphoswe ngomsindo wakho ezantsi esihogweni; ngako okungcwele, Owu Thixo, siya kubulela; kananjalo siya kubulela ukuba usonyule, ukuze singalahlekiswa silandela izithethe zobuyatha zabazalwana bethu, ezithi zibaqamangelele phantsi kwinkolo kaKrestu, ethi ikhokelele iintliziyo zabo ukuba zibhadulele kude nawe, Thixo wethu.

18 Kwaye kwakhona siyakubulela, Owu Thixo, ukuba singabanyuliweyo nabantu abangcwele. Amen.

19 Ngoku kwenzekile okokuba emva kokuba uAlma nabazalwana bakhe beyivile le mithandazo, bakhwankqiseka ngaphaya kwawo wonke umlinganiselo.

20 Kuba qaphelani, wonke umntu waye wabheka phambili waza wanikela phezulu kwale mithandazo minye.

21 Ngoku indawo leyo babeyibiza ngokuba yiRameyamptam, ethi, xa itolikwa, isisikhundla esingcwele.

22 Ngoku, bemi kwesi sikhundla baye banikela phezulu, wonke umntu, kwalo mthandazo mnye kuThixo, bembulela uThixo wabo kuba bonyulwa nguye, nokokuba engabalahlekisanga ukulandela izithethe zabazalwana babo, nokokuba iintliziyo zabo zingebiwanga ekubeni bakholelwe kwizinto ezisezayo, abangazi nto ngazo.

23 Ngoku, emva kokuba abantu bonke benikele phezulu imibulelo ngolu hlobo, babuyela kumakhaya abo, abengazanga bathetha ngoThixo wabo kwakhona bada babe bahlanganisene kunye kwakhona esikhundleni esingcwele, ukunikela phezulu imibulelo ngokohlobo lwabo.

24 Ngoku akuba uAlma ekubonile oku intliziyo yakhe ayabindeka; kuba wabona okokuba babengabantu abakhohlakeleyo nabagqwethekileyo; ewe, wabona okokuba iintliziyo zabo zazibekwe phezu kwegolide, naphezu kwesilivere, naphezu kwayo yonke impahla ecwengileyo.

25 Ewe, kananjalo wabona okokuba iintliziyo zabo azaziphakamele phezulu ekuzigwagwiseni okukhulu, ngekratshi labo.

26 Waza waliphakamisela phezulu ezulwini ilizwi lakhe, waza awadanduluka, esithi: Owu, koda kubenini, Owu Nkosi, ingaba uya kuzivumela ukuba izicaka zakho ziya kuhlala apha ezantsi enyameni, ukuba zibone inkohlakalo embi ngolu hlobo phakathi kwabantwana babantu?

27 Qaphela, Owu Thixo, abayadanduluka kuwe, kanti iintliziyo zabo ziginyelwe phezulu kwikratshi labo. Qaphela, Owu Thixo, bayadanduluka kuwe ngemilomo yabo, ngeli lixa bbekhukhumele, nangokude bazibone bebakhulu, ngezinto ezililize zehlabathi.

28 Qaphela, Owu Thixo wam, izambatho zabo zexabiso, nemisesane yabo, anezacholo zabo, nezihombiso zabo zegolide, kwaye nazo zonke izinto zabo ezixabisekileyo abathi bazihombise ngazo; kwaye qaphela, iintliziyo zabo zibekwe phezu kwazo, kanti ke badanduluka kuwe baze bathi—Siyakubulela, Owu Thixo, kuba singabantu abonyulelwe kuwe, ngeli lixa abanye beya kutshabalala.

29 Ewe, kwaye bathi ubazisile into yokokuba akusayi kubakho Krestu.

30 Owu Nkosi Thixo, ingaba uya kuyivumela kude kubenini ukuba inkohlakalo engaka nokunganyaniseki ukuba kubekho phakathi kwaba bantu? Owu Nkosi, wanga ungandipha ukomelela, ukuze ndibe nokubunyamezela ubuthathaka bam. Kuba ndibuthathaka, kwaye inkohlakalo elolu hlobo phakathi kwaba bantu iyawuhlungisa umphefumlo wam.

31 Owu Nkosi, intliziyo yam ilusizi ngokugqithisileyo; wanga ungawuthuthuzela umphefumlo wam angoKrestu. Owu Nkosi, wanga ungandinika ukuba ndibe nokomelela, ukuze ndibe nokuzinyamezela ngomonde ezi mbandezelo eziya kuthi zize phezu kwam, ngenxa yobugwenxa baba bantu.

32 Owu Nkosi, ungawuthuthuzela umphefumlo wam, uze undiphe impumelelo, kananjalo nabo ndisebenza nabo abakunye nam—ewe, uAmon, noAron, no-Omna, kananjalo noAmyuleki noZiyezirom, kananjalo anoonyana bam ababini—ewe, kwanabo bonke aba wanga ungabathuthuzela, Owu Nkosi. Ewe, wanga ungayithuthuzela imiphefumlo yabo ngoKrestu.

33 Wanga ungabanika ukuba babe nokomelela, ukuze babe nokuzinyamezela iimbandezelo zabo eziya kuthi zize phezu kwabo ngenxa yobugwenxa baba bantu.

34 Owu Nkosi, inga aungasinika ukuba sibe nempumelelo ekubaziseni kwakhona kuwe ngoKrestu.

35 Qaphela, Owu Nkosi, aimiphefumlo yabo ixabisekile, kwaye abaninzi babo bangabazalwana bethu; ke ngoko, siphe, Owu Nkosi, amandla nobulumko bokuba sibe nokuzisa aba, abazalwana bethu, kwakhona kuwe.

36 Ngoku kwenzekile okokuba akuba uAlma ewathethile la mazwi, awazibeka bizandla zakhe phezu kwabo bonke abo babekunye naye. Kwaye qaphela, njengokuba wayezibekile izandla zakhe phezu kwabo, bazaliswa nguMoya oyiNgcwele.

37 Kwaye emva koko baye bazohlula omnye komnye, abengazicingeli into abaya kuyitya, okanye into abaya kuyisela, okanye into abaya kuyambatha.

38 Yaza iNkosi yababonelela ukuze bangalambi, bengenakunxanwa; ewe, kananjalo yabapha ukomelela, ukuze bangabandezelwa nangaluphina uhlobo alweembandezelo, ngaphandle kokuba ziginyelwe eluvuyweni lukaKrestu. Ngoku oku kwakungenxa yomthandazo ka-Alma; kwaye oku kwakungenxa yokokuba wathandaza bngokholo.