2013
Umsebenzi Ongcwele weseMazulweni kaYesu Krestu
Disemba 2013


UMyalezo waBandwendweli Makhaya, Disemba 2013

Umsebenzi Ongcwele weseMazulweni kaYesu Krestu

Funda uthandaza ngalezinto kwaye ufune ukwazi ukuba unikele ngantoni. Kuzalukhulisa njani ukholo lwakho ukuqonda kabanzi umsebenzi woMsindisi Kuye kwaye kubusise abo ubajongileyo ngokufundisa ngokuNdwendwela? Ukufumana olunye ulwazi, iya ku reliefsociety.lds.org.

Umfanekiso
Istempu soMbutho wooMama

Ukholo, Usapho, Uncedo

uMsindisi Wethu uKrestu, ubizwa ngeNdodana eZelwe Yodwa ngokuba Nguye kuphela umntu ehlabathini ozalwe ngumama wenyama kanye noTata onobomi baphakade. Wathola amandla ezulu kuThixo, uTata Wakhe. komama Wakhe, uMariya, wathola inyama ebuthakathaka kwaye ezakuhlushwa yindlala, ukoma, ukukhathala, intlungu kanye nokufa.1

Ngokuba uYesu Krestu unguNyana kaTata oZelwe Yedwa, Ubenokwazi ukunikela ngoBomi Bakhe kwaye abuThathe kwakhona. Imibhalo ifundisa ukuba “ngomnikelo kaKrestu,” thina si “thola uvuso kwabafileyo” (Jakobi 4:11). Sifunda ukuthi bonke “bazakuvuswa kobugqibeleleyo kanye nobaphakade ubomi” xa thina si “kholwa” (D&C 29:43).

Njengoba sisiza siqonda ngokupheleleyo ukuba kutsho ukuthini ukuba uYesu uyiNdodana Ezalwe Yodwa kaTata, okholo lwethu kuKrestu luzakukhula. Igosa uD. Todd Christofferson weQumru labayishumi nambili abaPostile wathi, “Ukholo ku Yesu Krestu ubugqina kanye nokwazi lokuba (1) Isiqu Sakhe njengoNyana kaThixo, (2) Umnikelo Wakhe ongapheliyo, kanye (3) noVuko lwakhe lwenyaniso kwabafileyo.”2 abaprofethi bangoku bangqina: “[Yesu Krestu] waye ngu…Nyana kaThixo ozelwe yedwa enyameni, uMsindisi wehlabathi lonke.”3

Kuvela kwiZibhalo eziNgcwele

Johane 3:16; D&C 20:21-24; Moses 5:6-9

Kuphuma Embalini Yethu

KwiTestamente Entsha sifunda ngabafazi, esiwaziyo amagama abo kanye nesingawaziyo amagama abo, abasebenzisa ukholo lwabo kuYesu Krestu, bafunda kwaye baphila imfundiso Zakhe, kwaye bangqina ngobufundisi Bakhe, imihlola, kanye nobukhosi Bakhe. Abafazi aba babangabafundi bakhe abekhethelo kwaye abangqini abaxabisekileyo emsebenzini wensindiso.

Isibonelo, uMata wanikeza ubungqina obuqinileyo ngobungcwele bukaMsindisi xa esithi Kuye, “Ndiyakholwa ukuba nguwe uKrestu, indodana kaThixo, okwakufuneka ize emhlabeni” (Johane 11:27).

Ubungqina obokuqala bobungcwele bukaMsindisi banikezwa ngumama Wakhe, uMariya, kanye nomzala wakhe uElizabethi. Emva kokuba ingilosi uGabriyeli endwendwele uMariya, yena wavakashela uElizabethi. Xa uElizabethi eva uMariya embulisa, yena “wagcwala uMoya Oyingcwele” (Luka 1:41) wanikela ubungqina bakhe ukuba uMariya wayengumama weNdodana kaThixo.

Izikhumbuzo

  1. Bona incwadi i-Gospel Principles (2009), 52–53.

  2. ngoD. Todd Christofferson, “Ukwakha inkolo yakho kuKrestu,” Liyahona, Sept. 2012, 13.

  3. “uKrestu Ophilayo: Ubungqina babaPostile,” Liyahona, Apr. 2000, 2–3.

Yintoni Endinokukwazi Ukuyenza?

  1. Yintoni kuxabiseke kangaka ukuba ndiqonde iindima ezidlalwa nguYesu Krestu?

  2. Ukholo lwethu lungongezeleleka kanjani njengokuba sigcina iminqophiso yethu?