2013
Ndingabelana ngeNcwadi kaMormoni?
Disemba 2013


ulutsha

Ndingabelana ngeNcwadi kaMormoni?

Umbhali uhlala eWashington, USA.

Ngonyaka wam wokuqala esikolweni samabanga aphezulu, uthishala wam weseminari wamema iklasi yam ukuba yabelane ngeNcwadi kaMormoni kubahlobo abangangewo amalungu. Nokuba bendoyika, kodwa mina ndamkela isimemo.

Yandithatha iimini ezimbalwa ukuba ndibe nesibindi, kodwa ndakwenza ekugqibeleni ndanikeza umhlobo wam uBritny incwadi ngexesha yokudla kwasemini kwaye ndamnikeza nobungqina obufutshane. uBritny wandibulela ngokumnikeza incwadi.

Ekupheleni konyaka wesikolo, uBritny wathutha, kodwa saqhubeka ukunxulumana. Wandixelela ngesikolo sakhe esitsha nokuba phantse bonke abahlobo bakhe ngamalunga eCawa, kodwa akazange athethe izinto zomoya kum.

Kwatshintsha oko xa ndihambe ndisiya ebufundisini bam. Ndathola umlayezo ophuma kuBritny ukuba wayenendaba ezinkulu kum: ubezo baptiswa, kwaye wandibulela ukuba ndandingumhlobo wakhe wenene owamnikeza umzekelo omhle.

uThixo wathatha ikhwenkwe elineminyaka engu-15 elingakaze lasebenza ebufundisini kwaye wambonisa ukuba abelane ngevangeli nomtu owayezaku lamkela. Ndiyazi ukuba ngokumamela uMoya Oyingcwele, sonke singathola abantu eduzane nathi abalindele ukufundiswa ngevangeli elibuyisiweyo. Ndiyazi ukuba singanceda ukuzisa umtu omnye eNkosini, “Lungakanani olo [vuyo] lwethu naye [naye owomfazi] kwikumkani lika[owethu] uTata!” (Imfundiso neMinqophiso 6:23).