2013
Ihlabathi liyawaswela Amavulandlela Namhlanje
Julayi 2013


Umyalezo wesiMongameli Sokuqala, Julayi 2013

Ihlabathi liyawaswela Amavulandlela Namhlanje

Umfanekiso
UMongameli Thomas S. Monson.

Kwabaninzi, uhambo lwamavulandlela lwango 1847 aluqalanga e Navu, yaseKirtland, eFar West, okanye eNew York kodwa kude le Engilani, naseSkotlandi, eScandanavia okanye eJamani. Abantwana abancinci babengakwazi ukuqonda lokholo lukhulu olwagqugwuzela abazali ukuba bashiye abosapho, abahlobo, nenhlalonhle, kanye nokhuseleko.

Omncinane angabuza athi, “Mama, Yintoni sishiya ikhaya lethu? Siyaphi?”

‘Yizapha Sthandwa Sam; siyahamba siya eZayoni, kwisixeko sikaThixo wethu.”

Ngaphakathi kokhuselo lwekhaya kunye nesithembiso seZayoni kwama amanzi alwayo nanengozi e- Atlantic enamandla. Ngubani ongakwazi ukuthetha ngombilini owabamba intliziyo yomntu ngelaxesha kwakuwelwa ebungozini? Bephenjelelwa yintetho ethulileyo ehlebayo yoMoya, bemiswe ukholo olulula oluqinile, lamavulandlela wabaNgcwele athembele eNkosini kwaye bagibele isikebhe baqala uhambo lwabo.

Bade bafika eNavu ukusuka futhi bajongane nobunzima kwindlela ababezoyihamba. Amatye asemadlakeni namangcwaba aphawilwe ngamawa kwindlela yonke esuka eNavu eya kwisixeko eSalt Lake City. Elixabiso labhatalwa ngamanye alamavulandlela. Imizimba yabo ingcwatywe ngoxolo, kodwa amagama wabo azakuphila unaphakade.

Iinkomo zazityhafile, amavili enqwelo ekhala, amadoda angamakroti atsala, amagubu emfazwe akhala, kwaye neengcuka zenza imikhulungwane. Kodwa anempembelelo-yokholo kwaye naqhutywa-izivunguvungu amavulandlela aqhubekela phambili. Ngamanye maxesha bacula.

Yizani, Yizani, nina baNgcwele, ningoyiki ukudonsa kanzima nomsebezi.

Kodwa ngovuyo niqhubeke endleleni yenu.

Nokuba lendlela ijongeka inzima,

Ububela buzakufana nelanga lenu. …

Konke Kulungile!Konke Kulungile!!1

Lamavulandlela akhumbula amava weNkosi: “Abantu bam bazakulingwa kuyo yonk’into, ukuze balungele ukuthola udumo endibabekele lona, kwaye ludumo lweZayoni.”2

Ukuhamba kwexesha kulibalisa inkumbulo okanye kuphelisa umbulelo wethu ngabo abahambe indlela yobuhlungu, beshiya emva indlela-egcwele inyembezi yamangcwaba angenamagama. Kodwa sithini ngobunzima banamhlanje? Akukho ndlela zinamawa zokuhamba, nantaba zokuqabela, naziphambuka emasiziwele, nandlela zomkhondo emasizixangxathe, namilambo emasiyinqumle. Okanye kukho ngoku imfuneko yalamoya wevulandlela usikhokhele usisuse ezingozini ezithembisa ukusongamela kwaye usise kodingekayo kwangoku lomoya wamavulandlela ukuba usikhokele sisuke ebungozini obufuna ukusise eZayoni yokhuselo?

Kwiminyaka elishumi edlulileyo ukuphela kwemfazwe yehlabathi II, imeeko zokuziphatha isoloku iyehla kwakhona futhi. Ubugebengu buyenyuka; ukuziphatha kakuhle kusihla kakhulu. Abaninzi bakwi-rollercoaster yentlekelele, bafuna imincili yethutyana babe bencama uyolo lwanaphakade. Kwaye ke silahla uxolo

Solibale ukuba amagriki namaRoma aphumelela kakuhle Kumhlaba oawwungaphucukanga kwaye nokuba kuhle njani oko—ukuba ubuvila nokuthamba kwababamba bade bafinyelele ekubhubheni kwabo. Ekugqibeleni, ngaphezulu kwenkululeko, okanye befuna isiqinisekiso sobomi obukhuselekile nobumnandi; balahlekelwa yikokonke—ukuhlala kamandi kanye nokhuseleko nenkululeko.

Ungangeni ebulingweni bukaSathana, kodwa, Yima uqine kwinyaniso. Ngeke ufumane ukugculiseka kwemfuno ngokuleqa indlela eyenjabulo ngaphakathi kwizinto ezingenamvuzo nobubi,Ububi abuzange bube buhle. Inzondo ayiluzisi uthando. Ukoyika akusizisi isibindi. Ukungahlali ethembeni akuzange zahlekisa inkolo eqinile.

Abanye bathola ubunzima ekujonganeni nokuhlekwa kwakunye nezintetho ezingamnandanga yalabo abangabhadlanga abangathandi ubumsulwa, inyaniso, kanye nokulandela imiyalelo kaThixo. Kodwa ihlabathi lisoloku lihlekisa ngokulandela imigaqo. Ngoku uNowa wayeyalelwa ukuba akhe umkhumbi, izihlwele zezidenge zajonga izulu elingenamafu zamhleka zijongisa ngaye—kwade kwafika imvula.

Kunyanzelekile ukuba sifunde izifundo ezineendleko ezinjena okokoko? Ixesha litshintshile, kodwa inyaniso iqhubekela phambili. Ngexesha elo soyiswa kukuzuza kumava akudala, sizibulalisa ngokuziphinda kwakhona kwakunye nakokonke ukuxakeka kwazo, intlupheko kanye neentlungu zazo. Asinabo na ubulumko bokuthobela Yena owaziyo isiqalo nesiphetho iNkosi Yethu, owadala icebo lentsindiso—kunenyoka, eyazonda ubuhle bayo?

Incwadi etolika amagama yesingesi ithi ivulandlela “ngumtu ohamba phambili ukulungiselela okanye evula indlela ekufuneka abanye beyilandele.”3 Singakwazi na ukufumana isibindi nokuqina kwimisebenzi eyaboniswa ngamavulandlela esizukulwana esidlulileyo? Singakwazi mna nawe, ngokwenyani singakwazi, ukuba ngamavulandlela?

Ndiyazi ukuba ndinganako ukukwazi. O, ngendlela ihlabathi lifuna amavulandlela namhlanje!

Izikhumbuzo

  1. “Yizani,Yizani, BaNgcwele,”Amaculo

  2. Imfundiso neMinqophiso 64:34.

  3. Itolika mazwi yase-Oxfordincwadi yesibinili (1989), ivulandlela

Ukufundisa ngaloMyalezo

Imibhalo icacisa umfundisi wekhaya ukuba kufuneka “alumkise, acacise, akhuthaze kwaye afundise, kwaye abize bonke ukuba beze kuKrestu” (Imfundiso neMinqophiso 20:59). Cingisisa ngokubonisa izilumkiso kwakunye nezimemo ezingaphakathi kwentetho kaMmongameli uMonson kulabo obavakashelayo. Ungathanda ukuthetha nabo ngezindlela ezininsi zokubona kanye nokulandela isibonelo esihle, nokubalekela inkohliswano, kanye nokufunda kwiimpazamo Buza abo ubafundisayo ukuba bangenzenjani ukuba babengamavulandlela namhlanje.