2013
Siqhutywa yinkolo
Julayi 2013


ulutsha

Siqhutywa yinkolo

Umbhali uhlala eNtla eCarolina,eMelika.

Asoze ndilibale ndihamba ndiya endaweni ebizwa nge-Winter Quarters,eNabraska, eMelika,apho amavulandlela ebehlala khona kudala. La ndawo yavakala ingcwele, ndiziva ingathi ndityelelele kwitempile engaphandle.

Amehlo am’ egcwele iinyembezi, ndingaboni kakuhle. Ndabona umzobo kodwa andikwazanga ukubona ukuba yintoni Xa ndisula izinyembezi zam, Ndabona indoda nomfazi ababenobuso obungonwabanga. Xa ndijongisisa, ndabona umzobo womtwana owayelele kwingcwaba ezinyaweni zabo.

Okundikubonayo kwangi gcwalisa amava amaninsi: ukungabi noyolo, ukukwata, umbulelo novuyo. Ndandinqwenela ukuthatha ubuhlungu ababebuva abo abaNgcwele, kodwa kwangexesha elinye ndandinombulelo ngoko abakuncamayo ngothando lwevangeli.

Ngokwenzeka kum e-Winter Quatres kwabanoncedo ekundiboniseni ukuba uTata weseZulwini inikeza ivangeli kubantwana bakhe kwaye abavumele basebenzise igunya lokuzikhethela benze intando yabo ngalo. Abazali balomntwana babenokukhetha indlela indlela elula noko. Ukumamela umprofeti nokuphila ivangeli kwafuna ukuba lamavulandlela baqhubekele phambili nokuba lonto yayithetha ukuba mabangcwabe umntwana wabo. Kodwa bakhetha ukuthatha ivangeli ebomini babo kwaye bavume ukujongana nobunzima. Ndifunde ukuba ukuzimisela kwabaNgcwele ngeVangeli nokuzinikela ukuqhubekela phambili ngokukholwa nethemba—ithemba lekamva eliqhakazileyo nokholo lokuba inkosi iyabazi kwaye izakuphelisa intlungu zabo.