2012
Ukuphila uBomi obuButyebi
Janyuwari 2012


Umyalezo wesiMongameli SokuQala, Janyuwari 2012

Ukuphila uBomi obuButyebi

Ekufikeni konyaka omtsha, Ndichukumisa aBangcwele—beNtsuku Zokugqibela kuzo zonke iindawo ukuba bathabathe umsebenzi onentsingiselo, umntu ngamnye ngokukwazi kwakhe, ngenkuthalo nokuzimisela, endiwubiza ukuba bubomi bobutyebi—bempumelelo, bokulungileyo kwaye beentsikelelo. Njengokuba safunda amagama ooABC esikolweni, Ndinipha abam ooABC ukunceda thina sonke ukuba sifumane ubomi obubutyebi.

Yiba neSimo soMoya eSihle

uA koo ABC bam ubhekisa kwisimo somoya (Attitude). uWilliam James, umMelika owayeqala ukuba ngumphilisi wengqondo nomphefumlo kwaye engusazi wolwazi nobulumko kwinkolelo yobomi, wabhala, “Eyona nguqulo inkulu yesizukulwana sethu sisityhilelo nokubona ukuba uluntu, ngokuguqula isimo sethu sangaphakathi seengcinga zalo ezingqondweni nasengqiqweni yabo, bangatshintsha iimeko neenkcukaca zangaphandle zobomi babo.”1

Uninzi lwezinto ebomini luxhomekeke kwisimo somoya wethu. Indlela esikhetha ukubona ngayo izinto kwaye nesiphendula ngayo abanye yenza wonke umahluko. Ukwenza konke okona kuhle nokulungileyo okusemandleni ethu ngokuzimisela kwaye nokukhetha ukonwaba ngeemeko zethu, nokuba zinjani na, kungazisa uxolo kunye nokwanela.

uCharles Swindoll—umbhali, notitshala, kwaye nomfundisi ongumKrestu—wathi: “Isimo somoya, kum, sesona sibalulekileyo…kunexesha eladlulayo,…kunemali, kunemeko, kunokwehluleka, kunempumelelo, kunento abantu abayicingayo okanye abayithethayo okanye abayenzayo. Kubalulekile ngaphezulu kwembonakalo yangaphandle, kweziphiwo, okanye kobuchule. Kuya kukwakha okanye kwaphule ishishini, icawa, ikhaya. Eyona nto imangazayo kukuba siyakwazi ukuzikhethela mihla ngemihla ukuba isimo somoya wethu siba njani na mini le.”2

Asikwazi ukukhokela umoya, kodwa singalungisa iiseyile zethu nohambo lwethu ngolwandle. Ukufumana ulonwabo olukhulu, uxolo, nokwanela, yanga singa khetha isimo somoya esihle.

Kholelwa eSiqwini Sakho

uB umele ukholo—esiqinwi nasemandleni wakho, kwabo bakungqongileyo, kwaye nakwimigaqo yangaphakathi.

Nyaniseka nesiqu sakho, nabanye abantu, kwaye noBawo wethu waseZulwini. Lowo ongakhange anyaniseke noThixo kwade kwakubi kwaphela ixesha yayinguCardinal Wolsey owathi, ngokutsho kukaShakespeare, watya ixesha lakhe lobomi obude esebenzela abaphathi abathathu kwaye wonwabela ubutyebi namandla. Okokugqibela, wasuswa emandleni akhe nakwizinto zakhe zobutyebi yikumkani engenamonde. uCardinal Wolsey wakhala:

Ukuba ndandikhonze uThixo wam ngehafu nje yenkuthalo

Ndikhonze ukumkani wam, Wayengasoze kwiminyaka yam

Wandishiya ndize kwintsaba zam.3

UThomas Fuller, owayengumNgesi wecawa nowembali owayephila ngenkulungwana yoonyaka 17, wayibhala le nyaniso: “Ongakholelwa akaphili ngokulinganayo nenkolo yakhe.”4

Ungazilinganiseli uzivimbe kwaye ungavumeli abanye bakwenze ukholelwe ukuba awunokuqhubekeka noko okwaziyo ukwenza. Kholelwa esiqwini sakho kwaye uphile ngendlela efikelela nephumeza amathuba anokwenzeka akho.

Ungafezekisa into oyikholelwayo ukuba ungayenza. Themba kwaye ukholelwe kwaye ube nokholo.

Jongana neemeko ezi nzima ngobuKroti.

Ubukhalipha buye bubaluleke kwaye bube nempendulo elungileleyo xa ububona ngaphezulu kunendoda eexolele ukufa njengendoda kodwa ububone njengokuzimisela nokuzinikela ekuphileni kakuhle naphucukileyo.

Yathi imbongi nombhali uRalph Waldo Emerson: “Nokuba yintoni na oyenzayo, kufuneka ubukhalipha. Nokuba yeyiphi na indlela ogqiba kuyo, kusoloku kukhona umntu ozakuxelela ukuba ayilunganga. Kusoloko kukhona izinto ezinzima ezivelayo azakukuhenda ukuba ukholelwe ukuba abagxeki bakho balungile. Ukulungisa ngokuzoba indlela omawuyithathe kwaye uyilandele iyokufika esiphelweni kufuna ubukhalipha obufanayo nobu amajoni kufuneka babenabo. Uxolo lunokunqoba kwako, kodwa kuthatha indoda nomntu obhinqileyo olikroti ukuphumelela.”5

Kuyakubakhona amaxesha apho uyakoyika khona kwaye utyhafe. Ukuziva ingathi woyisiwe. Iimpikiso eziphikisa ukufumana ukunqoba zingabonakala ngathi ziyakoyisa ngamandla. Ngamaye amaxesha ungaziva ingathi unguDavide ezama ukulwa uGoliyadi. Kodwa khumbula ukuba—uDavide wa phumelela!

Ubukhalipha buyafuneka ukuqala ngamandla uhambo oluya phambili kwinjongo yakho oyilangazelelayo, kodwa nokukhalipha okungaphezulu kunoko kuye kufuneke xa ukhubeka kwaye kufuneka uphinde uzame okwesibini ukufeza injongo yakho.

Zimisele ukuzama, inqqondo ezolileyo ezimiseleyo ekusebenzeleni injongo ebalulekileyo, kwaye ubenobukhalipha bokungajongani nobunzima obunganqandekiyo nje qha obuye buzifikele kodwa uphinde uzame kwakhona, ukuba oko kuyafuneka. “Ngamanye amaxesha ubukhalipha lilizwi elincinci ekupheleni kosuku elithi, ‘Ndizophinda ndizame kwakhona ngomso.’”6

Yanga singabakhumbula ooABC xa siqala uhambo lwethu kulonyaka mtsha, sikhulisa isimo somoya esihle, ukholo lokuba singakwazi ukufezekisa iinjongo kunye nezigqibo zethu, kwaye nokukhalipha ekujonganeni nazo zeziphi na iimeko ezinzima ezingaza endleleni yethu. Ke ubomi obubutyebi buyakuba ngobethu.

Izikhumbuzo

  1. William James, in Lloyd Albert Johnson, comp., Isikhwama Samathulusi Soluntu: Iminyaka Egqith engu9000 yezingcinga (2003), 127.

  2. Charles Swindoll, in Daniel H. Johnston, Iimfundo Zobomi (2001), 29.

  3. William Shakespeare, King Henry the Eighth, act 3, scene 2, lines 456–58.

  4. Thomas Fuller, in H. L. Mencken, ed., A New Dictionary of Quotations (1942), 96.

  5. Ralph Waldo Emerson, in Roy B. Zuck, The Speaker’s Quote Book (2009), 113.

  6. Mary Anne Radmacher, Courage Doesn’t Always Roar (2009).

Ukufundisa ngaloMyalezo

Cinga ngokumema amalungu oosapho ukuba athethe ngamava abo apho isimo somoya esihle, nokukholelwa eziqwini zabo okanye ubukhalipha bubancede khona. Okanye ubameme ukuba bafumane kwizibhalo ezingcwele imizekelo yalemigaqo mithathu Ungalungiselela ukufundisa ngokuthandazela uucingisise ngezibhalo ezingcwele kunye namava wakho.