2011
Umsebenzi -nenjongo yoMbutho wooMama
Epreli 2011


UMyalezo waBaNdwendweli Makhaya, Epreli 2011

Umsebenzi-nenjongo yoMbutho wooMama

Funda lo myalezo, kwaye ngokufanelekileyo uxoxe ngawo kunye noodade obandwendwelayo. Sebenzisa lemibuzo ukukunceda womeleze odade bakho kwaye nokukwenza Umbutho wooMama usebenze kwindawo yawo ebomini bakho.

Umfanekiso

Ukholo • Usapho • Uncedo

Ngoku isimongameli sethu sasiqala ukubizwa, sanikwa izixhobo ngembali yoMbutho wooMama. Sazifunda ngomthandazo, sifuna ukwazi umsebenzi-nenjongo yoMbutho wooMama kwaye nokuba iNkosi ifuna ukuba senze ntoni na. Safunda ukuba umsebenzi-nejongo yoMbutho wooMama njengokuba wasekwa yiNkosi kukulungisa, ukufundisa, kwaye nokuphembelela Amantombazana akhe abalungiselele iintsikelelo zanaphakade.

Ukuzalekisa lo msebenzi-nenjongo yoMbutho wooMama, INkosi ithume udade ngamnye kunye nombutho wonke ngokuphelela kwawo ukuba:

  1. Yongeza uKholo kunye noBulungisa Bakho

  2. Yomeleza amasapho kunye namakhaya.

  3. Khulula abanye ngokukhonza iNkosi kunye nabantwana Bayo.

Singakwazi ukuwenza lo msebenzi ngendlela yeNkosi xa sifuna, samkela, kwaye sisenza oko sikufumana kwizityhilelo zethu sodwa. Ngaphandle kokutyhilelwa kwakho, asizokukwazi ukuphumelela. Ukuba siyamamela utyhilelo esilufumanayo, asizokwazi ukuwa phantsi. Umprofeti uNefayi wasifundisa ukuba uMoya oyiNgcwele uyakusibonisa zonke izinto “ema [si] senze” (2 Nefayi 32:5). Kufuneka sizivumele ukuba sizole ngokwaneleyo kwaye sithule ngokwaneleyo ukumamela ilizwi loMoya.

Boodade, sinendima ebalulekileyo ekufuneka siyidlale ekuncediseni ukwakha ikumkani likaThixo kwaye nasekulungiseleleni ukuza kweNkosi. Ngokwenene, umsebenzi weNkosi awunokwazi ukufezwa ngaphandle koncedo lwabantwana Bakhe abangamantombazana. Ngenxa yalonto, iNkosi isilendele ukuba songeze umnikelo wethu. Usilindele ukuba sizalekise injongo yoMbutho wooMama kakhulu kunakuqala.

Julie B. Beck, umongameli wajikelele woMbutho woMama.

Kuvela kwiZibhalo eziNgcwele

Dutoronomi 6:5–7; Luka 10:30–37; Eka Yakobi 1:27; 2 Nifayi 25:26; Mozaya 3:12–13

Kuphuma Embalini Yethu

Kwintlanganiso yango Juni 9, 1842 yoMbutho wooMama, uMprofeti Joseph Smith wafundisa oodade ukuba umbutho wabo “awungowokukhulula amahlwempu kuphela, kodwa ngowokusindisa imiphefumlo.”1 Le ncazo yomoya ekwayi njongo yenyama iphawule uMbutho wooMama kwimbali yawo wonke. Ngo 1906 Umongameli Joseph F. Smith (1838–1918) wafundisa: “[uMbutho wooMama] awujongani neemfuno zamahlwempu nje kuphela, abagulayo, nabasweleyo, kodwa inxenye yomsebenzi wawo—kwaye nendima enkulu, nayo—ikukukhathalela impilo yomoya kwaye nentsindiso yoomama nabantwana abangamantombazana baseZayoni; ukubona ukuba akukho nomnye ongahoyekanga, kodwa bonke bakhuselekile elishweni lobubi, ezilingweni, emandleni obumnyama, kwaye nasekungcoleni okubasongelayo ehlabathini.”2 Ngo 2001 iiGosa uM. Russel Ballard we Qumrhu LabaLishumi eLinesibini waphendula, “Wonke udade kule Cawa owenze iminqophiso kunye neNkosi unomsebenzi wezulu wokunceda asindise imiphefumlo, ukukhokela abafazi behlabathi, ukomeleza amakhaya aseZayoni, kwaye nokwakha ikumkani likaThixo.”3

Izikhumbuzo

  1. Joseph Smith, in kwiMbali yeCawa, 1:78.

  2. Iimfundiso zooMongameli beCawa: Joseph F. Smith (1998), xiv, 21–22

  3. M. Russell Ballard, “oMama abaLungileyo,” Liahona, Dec. 2002, 39.

Yintoni Endinokukwazi Ukuyenza?

  1. Ngeyiphi impembelelo endiyifumeneyo ukunceda oodade bam bongeze ukholo nobulungisa babo umntu ngamnye kwaye bomeleze amasapho abo namakhaya abo? Ndinganceda njani?

  2. Ndingawusebenzisa njani lo myalezo ukomeleza ukholo lwam kwaye nokongeza ukuzinekela kwam ebulungiseni bomphefumlo wam.