Izibhalo
2 Nifayi 32


Isahluko 32

Iingelosi zithetha ngamandla oMoya oyiNgcwele—Abantu kufuneka bathandaze baze bazuze ulwazi ngokwabo kuwo uMoya oyiNgcwele. Malunga 559–545 P.K.

1 Kwaye ngoku, qaphelani, bazalwana bam abathandekayo, ndiyacinga okokuba niyacingisisa nje noko ezintliziyweni zenu malunga naloo nto nimele niyenze emva kokuba ningenile ngendlela. Kodwa, qaphelani, kungani nizicingisisa nje ezi zinto ezintliziyweni zenu?

2 Anikhumbuli na okokuba ndathi kuni emva kokuba anamkele uMoya oyiNgcwele ninakho ukuthetha bngolwimi lweengelosi? Kwaye ngoku, ningathetha njani na ngolwimi lweengelosi ngaphandle kokuba kube kungoMoya oyiNgcwele?

3 aIingelosi zithetha ngamandla oMoya oyiNgcwele; ngako oko, zithetha amazwi kaKrestu. Ngako oko, ndathi kuni, bzondleni ngamazwi kaKrestu; kuba qaphelani, amazwi kaKrestu aya kunixelela zonke izinto enimele ukuzenza.

4 Ngako oko, ngoku emva kokuba ndithethe la mazwi, ukuba aninako ukuwaqonda kuya kuba kungenxa yokuba aanibuzi, ningankqonkqozi; ngako oko, aniziswa ekukhanyeni, kodwa kufuneka nitshabalalele ebumnyameni.

5 Kuba qaphelani, kwakhona ndithi kuni ukuba niya kungena ngendlela, nize namkele uMoya oyiNgcwele, uya kunibonisa zonke izinto ekumele nizenze.

6 Qaphelani, le yimfundiso kaKrestu, kwaye akuyi kuphinda kubekho enye imfundiso enikwayo kude kube semva kokuba eya akuzibonakalisa kuni esenyameni. Kwaye xa eya kuzibonakalisa kuni esenyameni, izinto aya kuzithetha kuni maze niqwalasele ukuzenza.

7 Kwaye ngoku mna, Nifayi, andinako ukuthetha ngakumbi; uMoya uya kumisa ukuthetha kwam, kwaye ndiselusizini ngenxa ayokungakholwa, nenkohlakalo, nentswela-lwazi, nangokuqina kweentamo zabantu; kuba abafuni ukuluzingela ulwazi, nakuluqonda ulwazi olukhulu, xa sukuba lunikezelwa kubo bngokucaca, kwa nangokucaca anokucaca ngako amazwi.

8 Kwaye ngoku, bazalwana bam abathandekayo, ndiqwalasela ukuba nisacingisisa ezintliziyweni zenu; kwaye kuya ndihlungisa ukuba kufuneka ndithethe malunga nale nto. Kuba ukuba beniya kuphulaphula kuwo uMoya othi umfundise umntu aukuthandaza, beniya kukwazi ukuba kufuneka nithandaze; kuba bumoya ongcolileyo awumfundisi umntu ukuba athandaze, kodwa umfundisa ukuba akufuneki athandaze.

9 Kodwa qaphelani, ndithi kuni kufuneka anithandaze rhoqo, kwaye ningatyhafi; nokuba ningenzi nanye into eNkosini ngaphandle kokuba kuqala niya kuthandaza kuBawo begameni likaKrestu, ukuze asingcwalise isenzo senu kuni, ukuze isenzo senu sibe csesentlalontle yomphefumlo wenu.