2010
UMthwalo Wethu wokuThabatha iNxaxheba KuMsebezi waseTempileni kunye noweMbali yoSapho
Disemba 2010


UMyalezo waBandwendweli Makhaya, Disemba 2010

UMthwalo Wethu wokuThabatha iNxaxheba KuMsebezi waseTempileni kunye noweMbali yoSapho

Funda lo myalezo, kwaye ngokufanelekileyo uxoxe ngawo kunye noodade obandwendwelayo. Sebenzisa lemibuzo ukukunceda womeleze odade bakho kwaye nokukwenza Umbutho wooMama usebenze kwindawo yawo ebomini bakho.

Umfanekiso
Relief Society seal

Ukholo • Usapho • Uncedo

Ekudluleni kweenkulungwane zeminyaka abantu abaninzi babhubhile ngaphandle kolwazi lwevangeli. Abanye babo ngabantu ozalana nabo. Balinde wena ukuba wenze uphando olufunekayo ukuze udibanise amasapho akho amanyane kwaye wenze imimiselo esindisayo egameni labo.

IiTempile ezininzi ehlabathi aziququzeli ngokwaneleyo. INkosi isithembisile ukuba intliziyo zenu ziyakuphendukela kootata ukuze umhlaba ungamosheki wonke xa eBuya Yena (see Imfundiso neMinqophiso 2:2–3).

Kukho iintsikelelo zomntu ngamnye ozifumana ngokuthatha inxaxheba emsebenzini wetempile nomsebenzi wembali yosapho Enye yezi luvuyo olufumanayo xa unceda izinyanya zakho. Enye kukuba uye ufaneleke ukuba ufumane isivumelo sokungena etempileni. Abo abangafanelekanga namhlanje ukufumana ithamsanqa lokuba nesivumelo sokungena etempileni kufuneka basebenze noBishophu okanye umongameli wesebe ukuba bafaneleke ngokukhawuleza. Ndiyanicela ukuba ningahlali ngaphandle kwalemfanelo ifunekayo. Ndiyangqina ukuba INtlawulo yinyaniso kwaye izono ziyaxolelwa xa umntu eguquka ngendlela efanelekileyo.

Njengokuba sithatha inxaxheba kumsebenzi wasetempileni kunye nembali yosapho, singaqiniseka ukuba siyakuba noMoya asithuthuzele ebunzimeni bethu kwaye asikhokele xa sithatha izigqibo ezibalulekileyo. Umsebenzi wetempile kunye nowomlando wembali yosapho yinxenye yomsebenzi wethu wokunceda, wokukhonza, izinyanya zethu.

Julie B. Beck, umongameli wajikelele woMbutho woMama.

Kuphuma Embalini Yethu

“UMprofeti Joseph Smith wathi, ‘Oyena mthwalo umkhulu apha ehlabathini uThixo awubeke phezu kwethu kukuba sifune abafileyo bethu’ (Iimbali yeeCawa, 6:313). Ukususela ekuqaleni, oodade boMbutho wooMama bawuxhasile loo msebenzi umkhulu. ENavoo ngomnyaka ka1842, umnqweno kaSarah M. Kimball wokunceda abakhi betempile waphembelela iqela loodade ukuba baziqokelele bazilungise ukuze bakwazi ukukhonza ngendlela esebenzayo. Njengokuba baqala badibana, uMprofeti … walungisa uMbutho wokuqala wooMama njengephatheni yobubingeleli. Ukususela ngeloxesha ukubheka phambili, oodade boMbutho wooMama bancedisa ukuqhubekekisa phambili umsebenzi owawusenziwa eTempileni yaseNavoo. …

“Ngomnyaka ka1855, emva kweminyaka esibhozo Abangcwele bafika eYutah, Indlu Yedinga yasekwa. Eliza R. Snow, owayengomnye wamalungu okuqala ngqa woMbutho wokuqala wooMama kwaye owayegcine iincwadi zaloo mbutho, wabizwa nguMongameli Brigham Young ngomnyaka ka1866 ukuba abe ngumongameli woMbutho wooMama wajikelele. Yena kunye nabanye oodade babengabasebenzi abanokholo eNdlwini yeDinga. Ze, njengokuba iiTempile zaseSt. George, Logan, kunye naseManti zazigqitywa, aba dade bathatha uhambo baya kwitempile nganye ukuze benze umsebenzi wababhubhileyo apho”1

Izikhumbuzo

  1. Mary Ellen Smoot, “Family History: A Work of Love,” Ensign, Mar. 1999, 15.

Yintoni Endinokukwazi Ukuyenza?

  1. Ndibanceda njani oodade ukuba baphande izinyanya zabo kwaye bazenzele umsebenzi wasetempileni? Cinga ngeemeko zoodade ngamnye njengokuba uzikisa ukucinga ngedlela yokufeza iintswelo zabo. Ungacinga ngokuba umsebenzi wembali yosapho ngamaxesha amaninzi ungomeleza amalungu amatsha, abuyayo, kunye nawangayiyo ecaweni.

  2. Ingaba umsebenzi wetempile nowembali yosapho wakhe wandithuthuzele na ebunzimeni endibenabo okanye undikhokele na ukuba ndithathe izigqibo ezibalulekileyo?

Ukufumana olunye ulwazi, iya ku www.reliefsociety.lds.org.