2010
IKhrismesi Yabefundisi
Disemba 2010


ulutsha

Ikhrismesi Yabefundisi

Ngexesha lesibini leKhrismesi yam ndingumfundisi weminyaka emibini ngungqu, Mna kunye neqabane lam sasindwendwele ilungu elalisandul’ukubhaptizwa kunye nosapho lwakhe. Emva kwesidlo sedinala esimnandi seKhrismesi, sabelana nabo ngomyalezo weKhrismesi.

Sacela olusapho ukuba luzobe imifanekiso yezinto ezazibakhumbuza elixesha, nje ngeenkwenkwezi, izipho, izithethe, kunye neemithi yeKhrismesi. Safunda ezinye izibhalo ezingcwele, kunye no 2 Nefayi 19:6: “Ngokuba kuthi umntwana uzelwe, kuthi unyana unikelwe; kwaye uburhulumente buyakubaphezu kwegxalaba lakhe; kwaye igama lakhe liyakubizwa, UMmangaliso, UMcebisi, USomandla, UBawo wanaPhakade, INkosi yoXolo.” Sacula “Once in Royal David’s City” (Hymns, no. 205), sabukela umboniso kumabonakude ongeSisithethe, kwaye sangqina ngoYesu Krestu.

YayiyiKhrismesi eyayibanjelwe kwiimeko ezikhaphukhaphu, singekho kunye namasapho ethu kunye nobhiyozo lweKhrismesi esiluqhelileyo, kodwa njengokuba sasingqina ngoMsindisi, Ndava uthando kunye nokuMxabisa okunzulu ngokuzalwa Kwakhe ngendlela egqithisileyo kunendandiyazi ndiyiva ngaphambili. Ndaqonda ukuba yayiyiKhrismesi yam yokugqibela ebufundisini obuyinkonzo kuBawo wam waseZulwini, kodwa ndandiyiqonda ukuba uMoya Wakhe wayekwazi ukungqina kum ngoNyana Wakhe nokuba kuphi apho ndikhoyo.