Uncedo lweZifundo
GJS, EkaYakobi 2


GJS, EkaYakobi 2:1. Thelekisa nekaYakobi 2:1

Amalungu akamele ukuthatha umntu omnye abe ngaphezu komnye.

1 Bazalwana bam, nina aninako ukuba nokholo lweNkosi yethu uYesu Krestu, iNkosi yozuko, nibe nisakhetha ubuso babantu.

GJS, EkaYakobi 2:14–21. Thelekisa nekaYakobi 2:14–22

Ukholo ngaphandle kwemisebenzi lufile kwaye alunako ukusindisa.

14 Kunceda ntoni, bazalwana bam, ukuba umntu uthi unokholo, abe engenawo imisebenzi? lunako na ukholo ukumnceda?

15 Ewe, umntu unokuthi, Ndiya kukubonisa ukuba ndinokholo olungenayo imisebenzi; kodwa ndithi, Ndibonise ukholo lwakho olungenamisebenzi, kwaye ndiya kukubonisa ukholo lwam ngemisebenzi yam.

16 Kuba xa umzalwana okanye udade behamba ze kwaye bengamadwayi, aze omnye wenu athi, Hambani ninoxolo, fudumalani nize nihluthe; nangona engamniki ezoo zinto ziyimfuneko emzimbeni; lukunceda ntoni ukholo lwakho koko kunjalo?

17 Nakuba lunjalo ukholo, ukuba alunayo imisebenzi lufile, lulodwa.

18 Ke ngoko uya kwazi, Owu mntundini ongento, ukuba ukholo olungenayo imisebenzi lufile kwaye alunako ukukusindisa?

19 Wena uyakholwa ukuba kukho uThixo omnye; wena wenza kakuhle; oomtyholi kanjalo bayakholwa, kwaye bayangcangcazela; wena uthe wenza isiqu sakho safana nabo, ngokungagwetyelwa.

20 UAbraham wayengenguye na ubawo wethu ogwetyelwe ngemisebenzi, xa wathi wanikela ngoIsake unyana wakhe phezu kwesibingelelo?

21 Uyabona ke ukuba imisebenzi isebenzisana njani na nokholo lwakhe, kwaye ngemisebenzi ukholo lwenziwa lwagqibelela?