Uncedo lweZifundo
GJS, KumaHebhere 7


GJS, KumaHebhere 7:3. Thelekisa namaHebhere 7:3

UMelkitsekede wayengumbingeleli emva kohlobo loNyana kaThixo. Bonke abo bafumana obu bubingeleli banako ukufana noNyana kaThixo.

3 Kuba lo Melkitsedeke wamiselwa wangumbingeleli ngokohlobo loNyana kaThixo, uhlobo olo lwalungenayise, lungenanina, lungenamlibo wokuzalwa, lungenasiqalo samihla, nasiphelo sobomi. Kwaye bonke abo bammiselwa kobu bubingeleli benziwe bafana naye uNyana kaThixo, behleli kububingeleli ngokungapheliyo.

GJS, KumaHebhere 7:19–21. Thelekisa namaHebhere 7:19–21

Umthetho ulungiselela abantu uYesu, “ongummeli womnqophiso olunge ngakumbi.”

19 Kuba umthetho wanikwa ngaphandle kwesifungo kwaye awenzanga nto igqibeleleyo, kodwa kuphela ikukuzisa ithemba elilunge ngakumbi; esisondela ngalo kuThixo.

20 Nanjengokuba xa obu bubingeleli bukhulu babungenaso isifungo, nanjengokuba uYesu wenziwa ummeli womnqophiso olunge ngakumbi.

21 (Kuba abo babingeleli babenziwe ngaphandle kwesifungo; kodwa aba benziwe nguye banesifungo esathi kuye, iNkosi yafunga kwaye ayisayi kuguquka, Wena ungumbingeleli ngonaphakade ngokohlobo lukaMelkitsedeke;)

GJS, KumaHebhere 7:25–26. Thelekisa namaHebhere 7:26–27

UYesu unikela isiqu Sakhe njengedini elingenasono lezono zethu.

25 Kuba umbingeleli omkhulu onjalo, ongcwele, ongenabubi, ongenabala, owahlukileyo kubo aboni, wenziwa umlawuli ngaphezu kwamazulu;

26 Engabanga njengabo babingeleli bakhulu abanyusa amadini imihla ngemihla, kuqala ngenxa yezono ezizezabo, bandule benzele izono zabantu; kuba akubanga yimfuneko ukunyusa idini ngenxa yezono ezizezakhe, kuba akenzanga nasinye isono; kodwa ngenxa yezono zabantu. Kwaye oku wakwenza kwakanye, xa wazinyusa ngokwakhe ngokwedini.