Uncedo lweZifundo
GJS, KumaHebhere 6


GJS, KumaHebhere 6:1–10. Thelekisa namaHebhere 6:1–10

Imfundiso kaKrestu ikhokelela kwingqibelelo.

1 Ke ngoko singayeki migaqo yemfundiso kaKrestu, masiqhubele kwingqibelelo; singabuyi sisekele isiseko senguquko emisebenzini efileyo, neyokukholwa kuThixo.

2 Okwemfundiso yeembapatizo, yokubeka izandla, neyovuko lwabafileyo, neyomgwebo ongunaphakade.

3 Kwaye siya kuqhubekekela kwingqibelelo ukuba uThixo uyavuma.

4 Kuba uthe wenza ukuba kungenzeki kwabo ababekhe bakhanyiselwa, kwaye babethe bangcamla isipho sasemazulwini, kwaye babenziwe amadlelane noMoya oyiNgcwele,

5 Kwaye bathi bangcamla ilizwi elilungileyo likaThixo, namandla ehlabathi elizayo,

6 Ukuba baya kukreqa, babe nokuhlaziyelwa kwakhona enguqukweni; ekuboneni ukuba babembethelelele emnqamlezweni kubo uNyana kaThixo ngokutsha, kwaye ke bambeka ehlazweni elisekuhleni.

7 Kuba umhla uyeza ngawo umhlaba osela emvuleni eza futhi phezu kwawo, kwaye uzise ngaphambili imifuno elungele bona abo bahlala kuwo, olinywe ngabo, ngoku abamkela iintsikelelo ezivela kuThixo, uya kuwuhlambulula ngomlilo.

8 Kuba oko kuvelisa ameva neenkunzane akwamkelwa, kwaye kusondele kwisiqalekiso; ke ngoko abo bangazisi ngaphambili iziqhamo ezilungileyo, baya kuphoselwa emlilweni; kuba isiphelo sabo kukutshiswa.

9 Kodwa, bathandekayo, siyathundezwa ngezinto zenu ezilunge ngakumbi, nezinto ezikhapha usindiso, nangona sithetha njalo.

10 Kuba uThixo akaswele bulungisa, ke ngoko akayi kulibala umsebenzi wenu nomzamo wothando, enithe nawubonisa egameni lakhe, kuko oko nithe nakulungiselela abangcwele, kwaye nenza ulungiselelo.