Uncedo lweZifundo
GJS, Izenzo 22


GJS, Izenzo 22:29–30. Thelekisa neZenzo 22:29–30

Umthetheli-waka wamkhulula uPawulos kumakhamandela akhe.

29 Ngoko kwaoko bemka kuye abo babemele ukuthi bamvavanye, kwaye umthetheli waka kanjalo wayesoyika emva kokuba wazi ukuba wayengumRoma, ngenxa yokuba wayethe wambopha, kwaye ke wamkhulula kumakhamandela akhe.

30 Ngengomso, ngenxa yokuba enga angathi asazi isiqinisekiso sokoko wayetyholwa ngako ngamaYuda, wayalela umbingeleli omkhulu nalo lonke iqumrhu labo ukuba lize, kwaye uPawulos waziswa phantsi, kwaye ke wamiswa phambi kwabo.