Uncedo lweZifundo
GJS, Ⅰ KwabaseKorinte 7


GJS, Ⅰ KwabaseKorinte 7:1–2, 5, 26, 29–33, 38. Thelekisa nabaseⅠ Korinte 7:1–2, 5, 26, 29–38

UPawulos ufundisa ukuba umtshato uyafuneka. Abo bazibiza njengabafundisi, kanti ke, basebenzela uThixo ngcono ukuba bahlala bengatshatanga ngethuba lobufundisi babo.

1 Ke kaloku ngokubhekisele kwiindawo enandibhalela ngazo, ndithi, Kumlungele umntu ukuba angamchukumisi umntu oyinkazana.

2 Nangona kunjalo, ndithi, ukuphepha umbulo, iyileyo indoda mayibe nomfazi wayo, ize elowo umfazi abe nendoda yakhe.

5 Musani ukumka omnye komnye, ningathanga nibe nivumelene okomzuzwana, ukuze ke nibe nokunikela iziqu zenu ekuzileni nasemthandazweni, nibuye nihlangane kwakhona, ukuze anganihendi uSathana ngenxa yentswela-kuzeyisa kwenu.

26 Ndiba ngoko, kulungile oku ngenxa yengxakeko engeneyo, kulungile emntwini ukuthi aselehlala njengoko anjalo ukuze abe nokwenza ukulunga okungakumbi.

29 Kodwa nditsho kuni ababizelwe ebufundisini. Nditsho ke, bazalwana, ixesha lifinyele ukuze kwelisaseleyo, kulo niya kuthunyelwa phambili ebufundisini. Nabo banabafazi, baya kuba njengabangenabo; kuba nibiziwe kwaye nonyulelwe ukwenza umsebenzi weNkosi.

30 Kwaye iya kuba nabo abalilayo, babe njengabangaliliyo; nabo abavuyayo, babe njengabangavuyiyo, nabo abathengayo, babe njengabangenanto;

31 Nabo basebenzayo ngeli hlabathi, babe njengabangalixhamliyo; ukuba ukumila kweli hlabathi kuyadlula.

32 Kodwa ndinga, bazalwana, ningandisa ubizo lwenu. Ndithanda ukuba ningabi naxhala. Kuba ongazekileyo, uxhalela izinto ezizezeNkosi, ukuba angathini na ukuyikholisa iNkosi; ke ngoko uyoyisa.

33 Kodwa lowo uzekileyo, uxhalela izinto zehlabathi, ukuba angathini na ukumkholisa umkakhe; ngoko ke kukho umahluko, kuba uxakanisekile.

38 Njalo ke ngoko lowo unikela isiqu sakhe emtshatweni wenza okulungileyo; kodwa lowo unganikeli isiqu sakhe emtshatweni wenza ngokulunge ngakumbi.