Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi
EyeeNkokeli—UkuQeqesha nokuXhasa ooTitshala


“EyeeNkokeli—UkuQeqesha nokuXhasa ooTitshala,” Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi: Eyabo Bonke Abafundisa eKhayeni naseBandleni (2022)

UkuQeqesha nokuXhasa ooTitshala,” Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi

abantu bethetha

EyeeNkokeli—UkuQeqesha nokuXhasa ooTitshala

Njenge nkokeli, unoxanduva loku “hlangana nootitshala abasandula kubizwa” kwiqumrhu lakho kwaye “ubancede balungiselele ubizo lwabo” (General Handbook, 17.3, Ithala leencwadi zeVangeli). Ezi ntlanganiso zilithuba lokwazisa ootitshala abatsha ngobizo lwabo olungcwele kwaye ubaphembelele ngombono wokuba kuthetha ntoni ukufundisa ngendlela yoMsindisi. Njenge nkokeli, unganceda ootitshala abatsha ukuba bakhonze ngokwenza oku kulandelayo:

  • Bonisa ukuqiniseka ukuba uMsindisi uzakubanceda kubizo lwabo (bona IMfundiso neMinqophiso 88:78).

  • Nika ootitshala abatsha ikopi yesi sixhobo, kwaye ubakhuthaze ukuba bakhangele iindlela zokusebenzisa imigaqo yaso kwimfundiso yabo.

  • Yabelana nootitshala abatsha nantoni na ngombutho wakho enokuba luncedo kubo ukuba bayazi.

  • Kangangoko kuyimfuneko, xelela ootitshala abatsha ukuba bafundisele kweliphi igumbi kwaye baqale ngesiphi isifundo. Bonelela naluphi na ulwazi abaludingayo malunga neklasi namalungu eklasi yabo.

  • Cacisa kootitshala abatsha ukuba ungabanceda ngobizo lwabo. Nika inkxaso kwigumbi lokufundela nokufikelela kwizixhobo zokufundisa ukuba kuyimfuneko.

  • Zinikele ukuqwalasela iiklasi zootitshala ngamaxesha athile, kwaye ubonelele ngengxelo njengoko ushukunyiswa nguMoya.

  • Mema ootitshala ukuba bathathe inxaxheba kwiintlanganiso zekota zebhunga lootitshala.

Kuyo yonke inkonzo yootitshala, qhubeka udibana nabo rhoqo ukunikela ngenkxaso eqhubekayo. Ngokomzekelo, njengenkokeli, usenokuba nengxoxo emfutshane notitshala phambi okanye emva kweklasi ukuze uxoxe ngemigaqo ka Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi. Buza utitshala malunga nokuba yintoni abavakalelwa kukuba bayenza kakuhle neendlela abangathanda ukuziphucula ngayo. Bakhuthaze ngobubele nangombulelo ngenkonzo abayinikayo.

Ungalungiselela lengxoxo ngokubukela utitshala efundisa. Zama ukuqonda ngcono amandla katitshala kwaye ufumanise iindlela onokunika ngazo inkxaso. Ukwakha phezu kwamandla katitshala kubaluleke ngokufanayo nokuchonga amathuba okuphucula.