“Izixhobo zoLutsha kunye naBantwana,” Liyahona, eyoMdumba. 2023
UMyalezo wangeNyanga weLiyahonaEyoMdumba 2023
Izixhobo zoLutsha kunye naBantwana
Abazali banoxanduva lokuqala lokufundisa abantwana babo ngoYesu Krestu kunye nevangeli yaKhe. Ibandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela linemibutho, iinkqubo kwa nezinye izixhobo zokuncedisana nabazali kwimizamo yabo Kunye, abazali, iinkokeli zeBandla, nabahlobo banganceda bonke abantwana nolutsha ukuba beze kuKrestu.
Imfundiso yabantwana abancinci
Imfundiso yaBantwana abancinci ngumbutho weBandla wabantwana abaneminyaka eziyi-18 zeenyanga ukuya kwiminyaka eyi-11. Kwimfundiso yaBantwana abantwana bafunda ngoYesu Krestu kunye nevangeli yaKhe ngezifundo, umculo, kunye nemisebenzi. Imfundiso yaBantwana abancinci inganceda abantwana baluve uthando lukaThixo kubo.
AmaQumrhu obuBingeleli buka-Aaron kunye neeKlasi zamaNtombazana Aselula
KweyoMqungu wonyaka abantwana abaza kuba neminyaka eyi-12, basuka kwiMfundiso yaBantwana abancinci ukuya kumaqumrhu oBubingeleli buka-Aaron (eyamakhwenkwe) okanye iiklasi zamaNtombaza Aselula (eyamantombazana). Kumaqumrhu kunye neeklasi zabo, ulutsha luyaqhubeleka ukomeleza ubungqina babo kwaye nokusebenzela abanye.
INkqubo yaBantwana kunye noLutsha
Ebutsheni bakhe, uYesu Krestu wakhula “ ebulumkweni nasebukhulwini, nasekuthandweni nguThixo nabantu” (Luka 2:52). Inkqubo yaBantwana kunye noLutsha inceda amalungu eBandla aselula alandele umzekelo kaKrestu. Bafunda baze bakhule kuzo zonke iinkalo zobomi babo—ngokomoya, ngokwentlalo, ngokwasemzimbeni, nangokwasengqondweni.
Iimagazini zeBandla
Imagazini yeBandla yabantwana yimagazini yoMhlobo. Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha yimagazini yolutsha. Ezi magazini ziquka amabali, iimfundiso, kunye nemisebenzi ebhalelwe ngokukhethekileyo abantwana kunye nabatsha.
Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha Incwadi yesikhokelo
Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha: Isikhokelo Sokwenza Ukhetho sifundisa ulutsha ngeenyaniso zevangeli. Sibafundisa indlela yokwenza izigqibo eziya kubanceda balandele uYesu Krestu. Kananjalo siquka iimpendulo kwimibuzo enokuthi ulutsha lube nayo malunga nendlela yokuphila ivangeli.
IThala LeeNcwadi zeVangeli
IThala LeeNcwadi zeVangeli linezixhobo zekhompyutha ezininzi, eziquka imifanekiso-bhanyabhanya,umculo, amabali ezibhalo, kunye nemisebenzi. Kananjalo liquka izixhobo zokunceda abazali kunye neenkokheli zifundise imigaqo yevangeli. Ezi zixhobo zifumaneka kwiThala leeNcwadi zeVangeli ku ChurchofJesusChrist.org kunye nakusetyenziso leThala leeNcwadi zeVangeli.
IiNkomfa zeFSY
Ekuqaleni konyaka abaza kuba neminyaka eli-14 ubudala, ulutsha luyamenywa ukuba luzimase iinkomfa Ezenzelwe Ukomeleza uLutsha (FSY). Ezi ziganeko ziquka imisebenzi kunye neeklasi ezinceda ukomeleza ukholo kuYesu Krestu kwaye zincede ulutsha lukhule ngokomoya, ngokwasentlalweni, ngokwasemzimbeni, nasengqondweni.
© 2023 yi Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe eMelika. Imvume yesiNgesi: 6/19. Imvume yenguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly Liahona Message, February 2023. Language. 18910 774