2022
Musa Ukoyika—iNkosi Ikunye Nawe
EyeSilimela 2022


“Musa uKoyika, iNkosi Ikunye Nawe,” OKwenzelwe Ukomeleza uLutsha, EyeKhala 2022.

UMyalezo Wenyanga Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, EyeKhala 2022

Musa Ukoyika—iNkosi Ikunye Nawe

Iphuma kwintetho yenkomfa yajikelele yeDwarha 2018.

Uloyiko alukho lutsha. Ukususela kumaxesha amandulo, uloyiko luye lwasikela umda iimbono zabantwana bakaThixo. Kweyabo 2 Ookumkani, ikumkani yaseSiriya yayithumele umkhosi ukuba ibambe kwaye ibulale umprofeti uElisha.

“Wavuka kusasa umlungiseleli ka [Elisha], wesuka waphuma, nantso impi iwujikelezile umzi, inamahashe neenqwelo zokulwa. Wathi umfana lowo [kaElisha] kuye, Yoo, nkosi yam, siya kuthini na?” (2 OoKumkani 6:15).

Olo lwaluthetha yayiluloyiko.

“Wathi [uElisha], Musa ukoyika; ngokuba baninzi abangakuthi, ngaphezu kwabangakubo.

“Wathandaza uElisha, wathi, Yehova, khawuwavule amehlo akhe, abone. UYehova wawavula amehlo omfana lowo, wabona, nantso intaba izele ngamahashe neenqwelo zokulwa zomlilo, zimjikelezile uElisha.” (2 OoKumkani 6:16–17).

Sisenokuthunyelwa okanye singathunyelwa iinqwelo zokulwa zomlilo ukuze zigxothe uloyiko lwethu kwaye zoyise imimoya yethu emdaka, kodwa isifundo sicacile. INkosi ikunye nathi, iyasicinga thina, kwaye isisikelela ngeendlela ezinokwenziwa yiYo kuphela.

Ukuba sithembela ngenkuthalo eNkosini nakwiindlela zaYo, ukuba sixakekile ngumsebenzi waYo, asiyi koyika iintsingiselo zehlabathi okanye sikhathazwe zizo. INkosi isijongile, isikhathalele, kwaye ime ecaleni kwethu.