2022
UMsindisi Obandezelekayo
Tshazimpunzi 2022


“UMsindisi Obandezelekayo,” Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, Tshazimpunzi 2022.

UMyalezo wangeNyanga Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha Tshazimpunzi 2022

UMsindisi Obandezelekayo

Kwiminyaka engamakhulu ngamakhulu ngaphambi kokuba uYesu Krestu eze, u-Isaya wakubona kwangaphambili ukubandezeleka kwaKhe kwezono zethu.

Udeliwe kwaye ulahliwe

Umfanekiso
Izandla zikaYesu Krestu zibotshiwe

Xa uYesu Krestu wayesiza emhlabeni, abanye abantu babekholelwa kuYe, kodwa uninzi lona lwalungakholelwa. Babemjongela phantsi, kwaye abaninzi babemnyanya. Ekugqibeleni, abantu baye bakhetha ukuba makathuthunjiswe kwaye abulawe. (Bona 1 Nifayi 19:9.)

uzithabathele phezu kwakhe izifo zethu

Umfanekiso
UYesu Krestu eguqile eGetsemane

UYesu Krestu wazithathela phezu kwaKhe zonke iintlungu, nezigulo, nobuthathaka bethu. Wenza oku ukuze Yena abenenceba kuthi nokuba akwazi ukusinceda. (Bona Alma 7:11–13.)

yena uhlatywe ngenxa yezikreqo zethu

Umfanekiso
UYesu Krestu emnqamlezweni

UYesu Krestu wabandezelekela izono zethu. Yena wenza oku ukuze sibenokuxolelwa njengoko siguquka. (Bona IMfundiso neMinqophiso 18:11; 19:15–19.)

siphilisiwe ngemivumbo yakhe

Umfanekiso
Abantu besiva isandla sikaYesu Krestu ovukileyo kwabafileyo

“Imivumbo yakhe” ngamanxeba aKhe. Ezi zimele konke ukubandezeleka Yena athe wakunyamezelela thina, kuquka nokuphalazwa kwegazi laKhe nokufa kwaKhe. Ngenxa yokuba uYesu Krestu wabandezelekela thina, singenziwa siphelele kwakhona. Idini laKhe lenza kwenzeke ukuba izono zethu zixolelwe. Njengoko siguquka kwaye sizama ukugcina iminqophiso yethu, Yena uyasiphilisa kwaye asitshintshe. (Bona Mozaya 3:7–11; IziVumo zoKholo 1:3.)