2021
Ndiyathanda Ukubona iTempile
UCanzibe 2021


“Ndiyathanda Ukubona iTempile,” Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha UCanzibe 2021

Uhlelo Lwangentsasa yangoMgqibelo

Ndiyathanda Ukubona iTempile

Izicatshulwa

Umfanekiso
itempile

Ndiyazi ukuba iitempile zeNkosi ziindawo ezingcwele. Injongo yam namhlanje ekuthetheni malunga neetempile kukwandisa umnqweno wam nowakho wokokuba sifaneleke kwaye silungele amathuba awongezelelweyo wamava wasetempileni awathi eze kuthi. …

Ukuba wena okanye mna singaya etempileni singacocekanga ngokupheleleyo, besingenakukwazi ukubona, ngamandla woMoya oyiNgcwele, imfundiso yasemoyeni yoMsindisi ebesinokuyifumana etempileni.

Xa sifanele ukufumana imfundiso enjalo, kungakhula ithemba, novuyo, kunye nentembeko emaveni wethu wasetempileni, kubo bonke ubomi bethu. Elo themba, nolo vuyo, kunye noko kuba nethemba kufumaneka kuphela ngokwamkela imimiselo eyenziwa kwiitempile ezingcwele. Kusetempileni apho singafumana isiqinisekiso soqhagamshelwano lweentsapho ezithandanayo oluya kuthi luqhubeke emva kokufa kwaye luqhubeke naphakade. …

… Kwaye siyazi ukuba ulonwabo lwethu lwanaphakade luxhomekeke ekwenzeni kwethu okugqwesileyo ukunikela ngolo lonwabo lufanayo kwizalamane zethu ezininzi kangangoko sinako.

Ndiva umnqweno ofanayo wokuphumelela ekumemeni amalungu osapho aphilayo ukuba anqwenele okokuba afanele ukufumana kwakunye nokuzukisa imimiselo yotywino lwasetempileni. Leyo yinxalenye yokuhlanganiswa okuthenjisiweyo kukaSirayeli ngeentsuku zokugqibela kuwo omabini amacala esigqubuthelo.

Umfanekiso
Ukuhlaziywa kweTempile yaseSalt Lake