2017
AbeNtliziyo Enye
eyoMsintsi 2017


UMyalezo wabaNdwendweli Makhaya, eyoMsintsi 2017

AbeNtliziyo Enye

Funda ngokuthandaza ezizinto kwaye uphande impembelelo yokwazi ukuba yintoni na onokuyaba. Ingaba ukuqonda injongo yeQumrhu Lamanina kungazilungiselela kanjani iintsikelelo zobomi banaphakade iintombi zikaThixo?

Umfanekiso
Istempu soMbutho wamaNina

Ukholo Usapho Uncedo

“Kwaye iNkosi yathi abantu bayo yiZiyon, ngenxa yokuba babenentliziyo enye nengqondo enye, baye bahlala ebulungiseni; kwaza akwabakho mahlwempu phakathi kwabo” (Moses 7:18). Singakwazi kanjani ukubamnye?

UMdala M. Russel Ballard weQumrhu labaPostile Abalishumi elinambini wathi: “Embindini wegama lesiNgesi elingu atonement kukho igama elinguone. Ukuba wonke umntu ebekuqonda oku, bekungasoze kubekho umntu esingena nkathalo ngaye, kungakhathaliseki ubudala, uhlanga, isini, inkolo, okanye isimo sasekuhlaleni okanye esezoqoqosho. Thina singazama ukulinganisa uMsindisi kwaye asingekhe singabi nabubele, singakhathali, singabi nambeko okanye singabaveli abanye.”1

UMongameli Henry B. Eyring, uMcebisi wokuQala kuBongameli bokuQala, wafundisa: “Apho abantu banaye [wona] uMoya nabo, [bona] basekunokulindela ubunye. … UMoya kaThixo awungeke wenze imbambano (bona 3 Nifayi 11: 29). … Wona ukhokelela kuxolo lomntu kunye nomzwa womanyano kunye nabanye.”2

Ethetha ngemiceli-mngeni yosapho, uCarole M. Stephens, owayesakuba nguMcebisi wokuQala kuBongameli Jikelele beQumrhu laManina, “Mna andikaze ndiphile kuqhawulo-mtshato, intlungu kunye nokungathembi okuza nokulahlwa, okanye uxanduva olunxulunyaniswa nokuba ngumama oyedwa. Mna andikaze ndiswelekelwe ngumntwana, ukungafumani bantwana, okanye umtsalane wesini esifanayo. Akukaze kwenzeke ukuba ndinyamezele ukuhlukunyezwa, isifo esinganyangekiyo, okanye ukuchewuleka. Ezi azikabi ngamathuba olulayo.

“… Kodwa ngalo Olwam uvavanyo … ndiye ndaqhelana kakuhle nalowo uqondayo. … Kwaye ngokongezelelweyo, ndiye ndanamava alo lonke oluvavanyo lalomhlaba ndigqiba ukulikhankanya ngeliso lentombi, lomama, lomakhulu, lodade, lika-anti kunye nomhlobo.

“Elethu ithuba njengeentombi zikaThixo ezingabagcini bomnqophiso akukokufunda kuphela kwimiceli-mngeni yethu; lona likukumanyana ngovelwano kunye nemfesane njengoko sixhasa amanye amalungu osapho lukaThixo kubunzima bawo.”3

IziBhalo Ezongezelelweyo kunye nenkcukacha

Yohane 17:20–23; Kwabase-Efese 4:15; Mozaya 18:21–22; 4 Nifayi 1:15;

reliefsociety.lds.org

Izikhumbuzo

  1. M. Russel Ballard, “Intlawulelo kunye neXabiso loMphefumlo Omnye,” Liyahona, Canzibe 2004, 86.

  2. Henry B. Eyring, “Ukuze Sibe nokuba Banye,”Ensign, Canzibe 1998, 67.

  3. Carole M. Stephens, “Usapho lulolukaThixo,”Liyahona, Canzibe 2015, 11–12.